1 Umntu ozahlulayo kwabanye ujongana nokwakhe ukulungelwa;
uwasengela phantsi onke amacebiso aphilileyo.
2 Umntu osisiyatha akanamdla wakuqonda nto –
nto angxamele ukuyenza kukuvakalisa ezakhe iimbono.
3 Xa kuvela umntu okhohlakeleyo ngokunjalo nokudelela kuthath’ indawo;
ukuphoxa ke kuhambisana nehlazo.
4 Amazwi omlomo womntu anjengesiziba samanzi;
kambe ke umthombo wobulumko yintlambo enkcenkcezayo.
5 Yinto embi ukuba nesheyi kumntu onenkohlakalo;
akulunganga ukumenzela igobe umntu omsulwa.
6 Ukuthetha komntu osisiyatha kuzala ingxwaba-ngxwaba;
amazwi akhe ambizela ukubethwa.
7 Ukuthetha komntu osisityhifili kumzisela inkathazo;
umlomo wakhe ngumgibe wakhe.
8 Amazwi entlebendwane ayanambitheka;
ahla kamnandi athi ngcoo embilinini.
9 Umntu owuphath’ ewuyeka umsebenzi wakhe
uyintlaka nexolo notshabalalisayo.
10 UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde.
11 Izinhanha zicinga ukuba ubutyebi yinqaba yazo;
kuzo ngathi buludonga oluphakamileyo lokuzifihla.
12 Ikratshi lomntu lilandelwa yintshabalalo;
ke lona udumo lukhokelwa yintobeko.
13 Ophendula engevanga kuqala
bubudenge obo kuye nehlazo.
14 Umoya onganikezeliyo wenza ukuba umntu amelane nokufa.
Ke wona umxhelo xa uwile ngubani ongawuvuselelayo?
15 Umntu onengqiqo ufunana nolwazi;
ewe, iindlebe zezilumko zibazele lona.
16 Xa ufuna ukuviwa ngabo basemagunyeni
phatha umngena-ndlwini xa uya kubo.
17 Intetho yommangali etyaleni iba ngathi iyavakala,
xa engekaphicothwa ngemibuzo.
18 Liphelisa ingxabano *iqashiso,
libahlule abantu abanamandla.
19 Isizalwana esikhutyekisiweyo silukhuni ngaphezu kwesixeko esinqatyisiweyo;
ingxabano yabazalanayo injengemivalo yamasango enqaba.
20 Umntu uzalisa iphango lakhe ngeziqhamo zokuthetha kwakhe;
uhlutha sisivuno somlomo wakhe.
21 Ukuthetha komntu kulawula ukuphila nokufa;
ke othetha kakhulu uvuna iziqhamo zaloo nto.
22 Umntu ofumene umfazi uzuze okulungileyo;
ewe, ufumene okukholekileyo kuNdikhoyo.
23 Ihlwempu liyacenga libongoze,
ukanti ke sona isinhanha siphendula rhabaxa.
24 Iitshomi ezininzi ziyamvuthulula umntu;
kanti ke sikho sona isihlobo esithembekayo kunomntakwenu.