IZAFOBE 19

1 Akunani kwaukuhleleleka unyanisekile

kunokuba sisiyatha esinganyanisekanga.

2 Ukutyhuthuzela kungekho kuqonda akulunganga;

onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.

3 Ubuyatha bomntu buyabulimaza ubomi bakhe,

aze ke entliziyweni yakhe asole uNdikhoyo.

4 Isinhanha siba nezihlobo ezininzi,

kodwa lona ihlwempu libalekwa nazezikhoyo.

5 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;

umntu ongathethi nyani enkundleni akasindi.

6 Baninzi abacenga izikhulu;

bonke abantu bazizihlobo zomntu ophayo.

7 Ihlwempu alifunwa nangabakowalo; yeka ke ukungafunwa kwalo zizihlobo!

Noba selizifuna linezicengo soze lizifumane.

8 Ozingela ubulumko uyazithanda ngokwakhe;

okuxabisileyo ukuqonda uzuza ukonwaba.

9 Ingqina elixokayo liyohlwaywa;

umntu ongathethi nyani enkundleni uyatshabalala.

10 Isiyatha asifanelwa kukuthi zava –

kobeka phi ukuba kubi kokuba amatshawe aphathwe sisicaka?

11 Umntu onengqondo akacaphuki msinya;

kuye linqaku ukungakhathali noba selesoniwa.

12 Umsindo kakumkani unjengokugragrama kwengonyama;

ke kona ukwamkeleka kuye kunjengombethe phezu kohlaza.

13 Unyana osisiyatha uyamtshonisa uyise;

kanti ke yena umfazi onochuku ufana nendlu enethontsi.

14 Indlu nobutyebi lilifa looyise,

kodwa umfazi onengqondo uvela kuNdikhoyo.

15 Ubuvila bufuthanisela umntu ngobuthongo;

ukanti ke umntu ongasebenziyo ubhuqwa yindlala.

16 Umntu ozithobelayo iziluleko uzuza ubomi;

ke yena ongayikhathaleliyo ihambo yakhe uyafa.

17 Umntu opha ohlelelekileyo ufana noboleka uNdikhoyo;

uNdikhoyo uya kumbuyisela.

18 Mqeqeshe unyana wakho, kuba oko kunika ithemba,

kodwa ke ungagabadeli ude umbulale.

19 Umntu ocaphuka msinya uvuna loo nto ayilimileyo;

ukuba ukhe wamnceda kwaba kanye uya kuphinda-phinda.

20 Waphulaphule amacebiso, ukwamkele ukululekwa –

ekugqibeleni uya kuba nobulumko.

21 Umntu uyaceba acwangcise entliziyweni yakhe,

kodwa ke licebo likaNdikhoyo eliphumelelayo.

22 Umntu uzilahlela kuloo nto ayinqwenelayo;

phofu akunani kwaukuba lihlwempu kunokuba lixoki.

23 Obona bomi kukuhlonela uNdikhoyo;

umntu owenjenjalo uyazonwabela, inkathazo ingamchaphazeli.

24 Ivila liyakha esityeni,

kodwa lingabi nako ukusa emlonyeni.

25 Mohlwaye umntu odelelayo, ukuze bazuze ukuqonda abangekabi namava;

isilumko siyafunda sakululekwa.

26 Unyana ophatha gadalala uyise, agxothe unina,

ngunyana olihlazo nonamanyondololo.

27 Nyana wam, ukuba uthe walutyeshela uqeqesho,

uya kuphulukana namazwi anolwazi.

28 Ingqina elingungantweni liyabugqwetha ubulungisa;

okuphuma emlonyeni womntu okhohlakeleyo bububi bodwa.

29 Umgxeki ufanelwe kukugwetywa;

ke sona isiyatha silindelwe kukutyatyushwa emhlana.