Isimemo sobulumko
1 Ubulumko buyakhile indlu yabo,
bayenzela iintsika ezisixhenxe.
2 Ubulumko buxhelile, bayixuba newayini;
kwaye netafile sebuyidekile.
3 Buthume izicakazana ukuba zime ezindulini,
zazise apho edolophini, zithi:
4 “Yizani nonke, nina bangaqondiyo.”
Kanti ke kwabaswele ukuqonda buthi:
5 “Ngenani nitye ukutya endikulungisileyo,
nisele newayini endiyixubileyo.
6 Lahlani ubuyatha, khon’ ukuze niphile;
hambani ngendlela yeengqondi.
7 “Othethisa umgxeki uzibizela ukuthukwa;
okhalimela isikhohlakali udibana nokunyeliswa.
8 Sukuziduba ngokululeka umgxeki kuba wosuka akucaphukele;
kambe ke wakululeka isilumko sitsho sikuhloniphe.
9 Wakusifundisa isilumko sitsho silumke ngaphezulu.
Ukuba uyalicebisa ilungisa litsho longeze ulutho kulwazi lwalo.
10 “Isiseko sobulumko kukuthobela *uNdikhoyo;
umntu omaziyo oyiNgcwele kanye uzuza ingqiqo.
11 Mna bulumko ndoyenza ibe mininzi imihla yakho,
ndiyongeze iminyaka yobomi bakho.
12 Xa usisilumko woncedwa bubulumko bakho;
kanti xa ungumgxeki iya kuba nguwe kanye ohluphekayo.”
Isimemo sobudenge
13 Umfazi onguNobudenge usoloko engxola;
yindlavinikazi engazi nto.
14 Uthanda ukuhlala emnyango endlwini yakhe
okanye kwiindawo eziphezulu edolophini,
15 ufike selemana ekhwaza abantu abadlula ngendlela,
behamba bexakeke yimicimbi yabo,
16 esithi: “Yizani apha nonke, nina bangaqondiyo!”
Kwabaswele ukuqonda uthi:
17 “Akamnandi ngako amanzi abiweyo!
Kanti ke nokutya okutyiwa ekufihlekeni kokona kunencasa.”
18 Abamphulaphulayo abaqondi ukuba kukufa okubalindele apho;
abazi ukuba abo bakhe bamtyelela xa kungokunje bakwelabafileyo.