UHEZEKILE 15

IJerusalem ngumdiliya ongenamsebenzi

1 Ndeva ilizwi *likaNdikhoyo lisithi:

2 “Mntundini, ngaba lubhetele ukhuni lomdiliya kunemithi yasehlathini?

3 Kukho lutho lwenziwayo na ngokhuni lomdiliya? Ngaba kukhe kwenziwe izikhonkwane zokuxhoma ngalo?

4 Ukuba lubasiwe lwavutha macala, lwarhawuka umongo, ngaba kusekho lutho lungenziwa ngalo?

5 Xa belingenamsebenzi liselukhuni kubeka phi ke ngoku xa lurhawukile?

6 “Ngako oko itsho iNkosi uNdikhoyo ukuthi: Kwimithi yehlathi ukhuni lwediliya ndilumisele ukuba lubaswe. Kuya kuba njalo nakubemi baseJerusalem.

7 Ndiya kubachasa. Naxa sebephuma emlilweni basaya kutsha ngumlilo kwakhona. Xa sendibachasa baya kwazi ukuba ndinguNdikhoyo.

8 Ndiya kuwubharhisa umhlaba kuba bengathembekanga, itsho iNkosi uNdikhoyo.”