Ukulilela iinkosi zakwaSirayeli
1 “Yitsho ngesililo ngenxa yeenkosi zakwaSirayeli,
2 uthi:
“ ‘Unyoko wayeyingonyama phakathi kweengonyama!
Ubebuthuma phakathi kwamathole eengonyama,
esanyisa amathole akhe.
3 Walondla lakhula elinye ithol’ iduna,
languxholovane wengonyama.
Yafund’ ukudlavuz’ ixhoba,
yawathi nqwam-nqwam amadoda.
4 Yaduma ezizweni,
bayombela umgibe, yabanjiswa.
Bayirhola ngamagwegwe,
baya nayo eJiputa.
5 “ ‘Akuphela amathemba kunina,
lakuba iqhayiya lakhe limkile,
wathabatha elinye kumathole akhe,
walenza uxholovane wengonyama.
6 Yanyalasa phakathi kweengonyama,
kuba kaloku yayisisigantsontso sengonyama;
yafunda ukudlavuza amaxhoba
nokuwathi nqwam-nqwam amadoda.
7 Yangena ezililini zawo,
yenza iziqwenga ezixekweni.
Yaduma larhwaqela lonke ilizwe
kwanabo bangabemi balo.
8 Zayivukela izizwe,
nabantu bemimandla esondeleyo;
bayithiyela ngezabatha,
yabhajiswa emgibeni wabo.
9 Bayirhola ngamagwegwe, bayifaka ehokweni;
beza nayo kukumkani waseBhabheli,
yavalelwa entolongweni.
Awabe uphinde uviwe umgqumo wayo kwiintaba zakwaSirayeli.
10 “ ‘Unyoko ubenjengomdiliya okuvelisileyo,
otyalwe kufuphi namanzi,
uqhamile uyokozela amasebe
kuba emaninzi amanzi.
11 Ebomelele amasebe awo,
efanele intonga yabalawuli.
Ubumde, ubuvelele utyani,
ubalasele ngobude nangamasebe ashinyeneyo.
12 Ngomsindo wancothulwa,
wawiswa phantsi emhlabeni;
wabuna lulophu,
zavuthuluka iziqhamo;
loma isebe elomeleleyo,
labaswa emlilweni.
13 Kungokunje utyalwe entlango,
kumhlaba owome nko.
14 Umlilo wanwenwela kwelinye lamasebe awo,
zatsha iziqhamo.
Akusekho sebe lomeleleyo
elifanele intonga yabalawuli.’
“Sisililo esi; masibe sisililo ke.”