UHOSIYA 11

Ukuthandwa kukaSirayeli

1 “USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;

ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.

2 Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,

suka waya ebhekela kum.

Baphikela ukunikela *kooBhali;

imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.

3 Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;

ndim owamthi chu ngengalo.

Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.

4 Bona ndabakhokela ndinovelwano;

ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.

Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,

ndaza ndathoba ndabafunzela.

5 Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,

kodwa uAsiriya uya kubalawula.

Kaloku abavumi ukubuyela kum.

6 Ezixekweni zabo komenyezel’ ikrele.

Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,

liwaphanzise namacebo abo.

7 Abantu bam bazimisele ukundishiya.

Noba bangade bakhale kOphezu-konke

yena soze abaphakamise.

8 “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?

Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?

Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,

ndikwenze ufane neZebhoyim?

Intliziyo yam iguqukile ngakuni;

imfobe yam itsho yavuseleleka.

9 Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;

andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.

Kaloku andimntu, ndinguThixo,

uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.

Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.

10 Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.

Yena wovungama njengengonyama.

Ke kaloku akubhavumla

usapho lwakhe loza lungcangcazela;

ewe, luya kuza ngasentshonalanga.

11 Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;

boba njengamahobe bevela eAsiriya.

Ndobabuyisela emakhayeni abo.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Isono sikaSirayeli

12 UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;

indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.

UJuda yena uvukelana noThixo,

nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.