Ukuthandwa kukaSirayeli
1 “USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;
ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.
2 Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,
suka waya ebhekela kum.
Baphikela ukunikela *kooBhali;
imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.
3 Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;
ndim owamthi chu ngengalo.
Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.
4 Bona ndabakhokela ndinovelwano;
ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.
Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,
ndaza ndathoba ndabafunzela.
5 Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,
kodwa uAsiriya uya kubalawula.
Kaloku abavumi ukubuyela kum.
6 Ezixekweni zabo komenyezel’ ikrele.
Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,
liwaphanzise namacebo abo.
7 Abantu bam bazimisele ukundishiya.
Noba bangade bakhale kOphezu-konke
yena soze abaphakamise.
8 “Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?
Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?
Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,
ndikwenze ufane neZebhoyim?
Intliziyo yam iguqukile ngakuni;
imfobe yam itsho yavuseleleka.
9 Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;
andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.
Kaloku andimntu, ndinguThixo,
uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.
Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.
10 Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.
Yena wovungama njengengonyama.
Ke kaloku akubhavumla
usapho lwakhe loza lungcangcazela;
ewe, luya kuza ngasentshonalanga.
11 Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;
boba njengamahobe bevela eAsiriya.
Ndobabuyisela emakhayeni abo.”
Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
Isono sikaSirayeli
12 UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;
indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.
UJuda yena uvukelana noThixo,
nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.