Ukuqaqadeka kukaSirayeli
1 “Yizani kaloku, sibuyele *kuNdikhoyo.
Ewe, yena usidlakazile,
kodwa usenako ukubuya asinyange.
Ngenene yena usenzakalisile,
ukanti ke angabuya asibophe.
2 Emva kweentsuku ezimbini wosidlisa ubomi,
ngolwesithathu ke asivuse,
sitsho siphile phambi kwakhe.
3 Hayi ke, masimvume uNdikhoyo;
ewe, masikuxunele ukumazi.
Ukubonakala kwakhe kuqiniseke njengokuphuma kwelanga.
Uya kusifikela njengemvula yasebusika –
njengeemvula zentlakohlaza ezinyakamisa umhlaba.”
4 “Mandikuthini na kodwa, Efrayim?
Mandenze ntoni na ngawe, Juda?
Uthando lwenu lunjengenkungu yakusasa,
nqwa nombethe othi shwaka kwangoko.
5 Ngoko ke ndaninqunqa ngabashumayeli bam;
ewe, ndinixhelile ngamazwi am,
isigwebo silenya njengombane phezu kwenu.
6 Kaloku ndithanda inceba,
andithandi minikelo.
Ndinonelele ukwazi uThixo
ngaphezu kwamadini atshiswayo.
7 EAdam bawaphula umnqophiso;
ewe, khona basuka baqhankqalaza.
8 IGiliyadi sisixeko sabenza ububi,
umzila weenyawo zayo umtyibilizi ligazi.
9 Njengezihange ezilalel’ umntu
nababingeleli sisigqubu esikwanjalo,
nasendleleni eya eShekem kulapho bagwinta khona.
Ewe, benza izinto ezimanyumnyezi.
10 Kwindlu kaSirayeli ndibone into enkwantyisayo;
kulapho ahenyuza khona uEfrayim.
Awu, yeka ukuxabheleka kukaSirayeli!
11 Nakuwe kambe, ndlundini kaJuda, uyeza umhla wesivuno.
“Ndakuba ndizimisele ukubabuyisela kundalashe abantu bam,