USirayeli ugxekwa ngezithixo
1 “Yitsho ngomtyangampo wesigodlo!
Nal’ ixhalanga lirhiwula abantu *bakaNdikhoyo.
Kaloku bawaphule umnqophiso wam,
suka bawuvukela umthetho wam.
2 Ewe, ngoku uSirayeli uyazibika kum;
uyandivuma esithi: ‘Thixo wam endimaziyo!’
3 Ngokutshikilela kwakhe okulungileyo
uSirayeli wathiwa mbende lutshaba.
4 Bazikhethele ookumkani ngaphandle kwam,
bamisa namaphakathi ndingakwazi oko.
Ngesiliva negolide yabo bazenzele izithixo;
nto leyo iyintshabalalo kubo.
5 Mh-mh-mh, ndiyalenyanya ithole laseSamariya!
Ingqumbo yam iyavutha ngakubo;
koda kube nini benyhuku-nyhuku?
6 Tholendini lenziwe yingcibi yakwaSirayeli!
Hayi, asiThixo le nto iyenzileyo.
Ngenene elo thole laseSamariya liya kuntlekeka libe ziingceba.
7 “Bona bahlwayela umoya,
kanti bavuna isaqhwithi.
Ingqolowa ziziphunzi ezingathwalanga;
ngoko ke tu isivuno.
Enoba besingade sifumaneke
bezingafikayo iintlanga zizenzele.
8 USirayeli uthiwe bimbilili.
Utshone phakathi kwezizwe;
unjengesitya ekungekho yaso mpela.
9 Usuke wanyukela eAsiriya,
wanjengeqwarha elibhadulayo;
uEfrayim uzithengisile kwizithandwa zakhe.
10 Angade aziqeshise, nditsho nakwiintlanga,
kodwa ndosuka ndimqokelele.
Phofu ke uya kuncipha,
ingcinezelo yokumkani imthi nca.
11 KwaEfrayim andisiwe amaqonga –
nditsho awokungxengxezela isono.
Ngoku angamaqonga okwenza isono.
12 Ndaba ngababhalela imithetho,
nayo ke ingembalwa iyintaphane,
suka nayo leyo bayikhaba,
bayithatha njengento yasemzini.
13 Ewe, bona amadini bayandenzela;
inyama yona bajika bayitye.
*UNdikhoyo ke akanelisekanga ngabo,
engabulibalanga nobugwenxa babo.
Ewe, yena uza kubohlwaya;
baza kuphindela kwaseJiputa.
14 USirayeli umlibele umenzi wakhe,
suka wazakhela amabhotwe.
UJuda wazandisa izixeko ezinqatyisiweyo –
zixeko ezo ndozithumela ngomlilo,
ulenye konke, nditsho nezo nqaba.”