Ukugwetywa kukaSirayeli
1 Musa ukonwaba, Sirayeli;
ewe, sukuvuya njengezinye izizwe.
Kaloku wena umphambile uThixo wakho;
wena usuke wamfulathela.
Uthe phithi yimali yokuzithengisa
kuzo zonke izanda zokubhula.
2 Izanda nezixovulelo aziyi kuvelisa nto,
newayini entsha yosuka inqongophale.
3 Awuzukuhlala kulo mhlaba *kaNdikhoyo.
Ewe, úza kuphindela eJiputa uEfrayim;
uya kutya ukutya okunomlaza eAsiriya.
4 Ewe, uNdikhoyo abayi kumenzela iminikelo yewayini;
ayiyi kumanelisa iminikelo yabo.
Kubo lo mnikelo wofana nesonka sabazili –
abawutyileyo baya kuba nomlaza.
Ukutya kwabo kolungela bona kuphela –
akuyi kunikelwa kwindlu kaNdikhoyo.
5 Hee, niya kwenza ntoni ke ngemihla yemibhiyozo emisiweyo,
ngomhla wetheko likaNdikhoyo?
6 Xa bangasindiyo ekutshatyalalisweni
iJiputa yofika yona ibaqokelele,
ke yena uMemfisi abangcwabe.
Ubutyebi besiliva buya kukhulelwa lukhula,
imizi yabo ibhijelwe yimithana enameva.
7 Iyeza imihla yesohlwayo–
nditsho imihla yembuyekezo –
noSirayeli ke uza kuqonda.
Umshumayeli ngumlindi
Ngenxa yokwanda kobugwenxa benu,
nobunzulu bentiyo yenu,
*umshumayeli nithi sisityhakala,
umntu onefuthe likaMoya uphambene.
8 Umshumayeli ngumlindi kaEfrayim,
bantu abo bangaboThixo wam,
kodwa ubekelwa izabatha,
kuliwe naye endlwini yoThixo wakhe.
9 Ewe, bonakele ngokungathethekiyo;
kunjengaloo mihla yaseGibheya.
UThixo akabulibalanga ubugwenxa babo,
yaye ke uza kubohlwaya
ngenxa yezono zabo.
Isono sikaSirayeli neziqhamo zaso
10 Ndathi mhla ndamfumana uSirayeli
kwanga ndibhaqe iidiliya entlango;
mhla ndabafumana ookhokho benu
yaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,
makhiwane ke alulibo.
Bathe bakufika eBhali-pehore
suka bazinikela kuBhali,
baza bagqwaliseka njengaye kum.
11 Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,
luntinge lumke njengentaka.
Akukho mfazi uya kukhulelwa;
ewe, akukho mfazi uya kubeleka.
12 Naxa benabo abantwana abakhulayo
ndobatshayela kuthi tu.
Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!
13 Ndambona uEfrayim enjengeTire,
emi kwisithabazi somhlaba.
Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,
bona boba zizisulu zokubulawa.
14 Azi ndothini na *kuNdikhoyo?
Mandithi banike ntoni na kodwa?
Izizalo ezingaphathi nto;
amabele awomileyo.
15 Ngenxa yezono abazenza eGiligali
mna ndatsho ndabacaphukela.
Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxa
ndiza kubagxotha endlwini yam.
Ukubathanda kwam kwaphusile;
kaloku iinkokheli zabo zindivukele.
16 Ngenene uEfrayim uphanzile,
womile ukususela ezingcanjini;
ewe, akathwali ziqhamo.
Noba angade azale
ndoyibhubhisa loo nzala ayithandayo.
17 UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa;
kaloku bona abamphulaphulanga.
Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.