Ukubuya ekuthinjweni
1 Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi.
2 Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.
Ukuwa kokumkani waseBhabheli
3 Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima,
4 niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:
Yaz’ba utshitshe njani na lo mcinezeli!
Ewe, akukho nkang’ idubul’ ingethi.
5 UNdikhoyo uyivikivile intonga yezikhohlakali;
yena uwaphule umsimbithi wezilawuli.
6 Nditsho lo ubuntlekez’ abantu ngolunyakazi,
obusitsho ngezithong’ ezingaphelele ndawo,
obutyakaty’ izizwe ngengcwangu nengqumbo,
owatsho ngentshutshiso engenabuyambo.
7 Ngok’ ihlabathi lixhaml’ ikhefu ngenzolo,
suka ladanduluka ngeengoma nezibongo.
8 Kuvuya nditsho nemithi eLebhanon phaya;
ewe, imipayini nemisedare iyakugcolodela.
Ithi: “Tshotsh’ uwe, kumkanindini,”
kuba kaloku nomgawuli utsho wasweleka.
9 Ewe, nelabafileyo litsho lazama-zama,
lilungiselela ukuhlangabeza wena.
Noomoya babangasekhoyo baza kukukhahlela,
nditsho abo babefudula beziikumkani zezizwe
kungokunje nabo bayavusw’ ezililini.
10 Bonke bobhekisa kuwe, bathi:
“Ingaba nguwe na lo selelutywantsi?
Ingaba nguwe na lo ofana nathi?”
11 Ubunewu-newu bakho namhla bugqunyelelwe,
ngokunjalo nengoma yezigingci ingcwatyiwe.
Ngoku umandlalo wakho ziimpethu;
kukalokunje ingubo yakho seyingamanundu.
12 Khawutsho! Ukhiqwe kanjani emazulwini?
Kutheni, khwezi lomso elinguBhabheli?
Wen’ owawufudul’ ugeq’ izizwe
ngoku uthe khalakahla bhalakaxa!
13 Kaloku wawuzithuthuzel’ usithi:
“Mna ndosuka ndintingel’ ezulwini,
ndibe ngaphaya kweenkwenkwezi zikaThixo,
ndilimise khona ibhotwe lam,
ndingqendeve kuloo ntaba yembizo,
kwintlanganiso *yezithixo,
emalanda-lahla kweliphezulu.”
14 Wawusithi: “Ndonyukela emajuku-jukwini,
ndize ndizifanise noPhezukonke.”
15 Kambe ke usuke watshon’ engcwabeni,
weyela enzonzobileni yomhadi.
16 Abo bakubonayo ke ngoku bathe nqa!
Ewe, babamb’ ongezantsi, bathi:
“Lo asinguye na owayedidizelis’ ihlabathi,
intw’ ibiduma zirhwaqel’ izikumkani;
17 intw’ eyajij’ ilizwe latsho labharha,
eyabhukuq’ izixeko zatsho zangamabobosi,
emabanjw’ angazang’ akhululeka?”
18 Zonk’ iikumkani zezizwe ziphumle ngesihomo;
iyileyo ilele kwelayo ingcwaba.
19 Kambe ke wena uyindingan’ engenangcwaba;
wena uyinto esidumbu sibukulwayo.
Ngoku sewambethe ababuleweyo abagwazwe ngekrele,
abaphoswe emhadini ongxondorha.
Ngoku sewuyinto yokuxovulwa ngeenyawo;
20 owakh’ umngcwabo soz’ ufane nowabo.
Kaloku wena wabatshabalalisa wababhuqa;
wababopha ngentamb’ enye nabakho abantu.
Intw’ ekhohlakele nesizukulwana sayo
negama layo soze libe nto!
21 Iwu-u-u!
Lungiselela kugqityezelwe nenzala yakhe!
Ngenxa yenkohlakalo yooyise mabangasindi,
hleze bahlume, uze umvundl’ uzek’ indlela,
hlez’ eli lizwe lizale zizixeko zabo!
22 UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:
“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,
ndiyicim’ igama tu,
kungabikho hlumelo nanzala.
Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.
23 Ndakuyibetha itsho ibe yimigxobhozo, ibe likhaya lookhwalimanzi.
Inene, ndiya kuyitshayela ngentshabalalo engathethekiyo!”
Ukutshatyalaliswa kwama-Asiriya
24 *UNdikhoyo uSomandla-onke ufunge wathi:
“Konke endikucwangcisileyo kuza kwenzeka;
ziza kufezeka zonke iinjongo zam.
25 Ndiza kuwavikiva ama-Asiriyakweli lizwe,
ndiwanyhashe tu entabeni yam,
idyokhwe yawo yahlukane nabantu bam,
usuke umthwalo emagxeni abo.
26 Ezi ke ziinjongo zam mayela nehlabathi jikelele;
ingalo yam ijinga phezu kwezizwe zonke.”
27 UNdikhoyo uSomandla-onke ezimisele nje ke,
ngubani ongema ngaphambili?
Xa eyolule ingalo yakhe,
ngubani ongabuya amjike?
Intshabalalo yamaFilistiya
28 Nalu udaba olundilisekileyo olwavakala nyakana wasweleka ukumkani uAhazi:
29 Ke wena, Filistiya,yithi rhubaxa!
Ewe, musa ukuzikhohlisa uthi:
“Intonga ebendibethwa ngayo yaphukile,”
kuba kwakuloo mnombo kosuka kuthi gqi irhamba;
inzala yalo ke inobuhlungu kangako.
30 Aya kuhlutha amahlwempu abantu bam,
abahlelelekileyo bahlale bekhuselekile,
ke wena ndikugengqe ngendlala,
kungasali nditsho nempunde le!
31 Hlahlambani, masango;
bhombolozani, nina zixeko!
Ewe, tatazela urhwaqele, wena Filistiya!
Kuba nanko umsi uthuquza kweliphezulu;
loo mkhosi ke awunalo ityutyusi!
32 Kodwa kodwa singaphendula sithini ukuthetha namakhankatha eso sizwe?
Ewe, sowaphendula sithi:
“UNdikhoyo uyimise wayimilisela iZiyon,
ngoko ke zozimela kuyo iintsizana zakhe!”