UISAYA 14

Ukubuya ekuthinjweni

1 Ke *uNdikhoyo woba nemfobe ngoYakobi, abuye azichongele uSirayeli. Uya kumbuyisela kumhlaba wakhe, neentlanga ke zosuka zithontelane khona, zizibandakanye nendlu kaYakobi.

2 Izizwe ziya kuwagodusa amaSirayeli, ziwabuyisele kwilizwe awalinikwa nguNdikhoyo; zona zoba zizicaka zamaSirayeli. Abathimbi bamaSirayeli bojika babe ngabathinjwa bawo, wona amaSirayeli alawule abo babefudula bewacinezela.

Ukuwa kokumkani waseBhabheli

3 Mhla *uNdikhoyo wanipha umtyhi kwintlungu nehambo-nzima, nakumzabalazo wokusebenza nzima,

4 niya kuhlabela elempoxo ngokumkani waseBhabheli, nithi:

Yaz’ba utshitshe njani na lo mcinezeli!

Ewe, akukho nkang’ idubul’ ingethi.

5 UNdikhoyo uyivikivile intonga yezikhohlakali;

yena uwaphule umsimbithi wezilawuli.

6 Nditsho lo ubuntlekez’ abantu ngolunyakazi,

obusitsho ngezithong’ ezingaphelele ndawo,

obutyakaty’ izizwe ngengcwangu nengqumbo,

owatsho ngentshutshiso engenabuyambo.

7 Ngok’ ihlabathi lixhaml’ ikhefu ngenzolo,

suka ladanduluka ngeengoma nezibongo.

8 Kuvuya nditsho nemithi eLebhanon phaya;

ewe, imipayini nemisedare iyakugcolodela.

Ithi: “Tshotsh’ uwe, kumkanindini,”

kuba kaloku nomgawuli utsho wasweleka.

9 Ewe, nelabafileyo litsho lazama-zama,

lilungiselela ukuhlangabeza wena.

Noomoya babangasekhoyo baza kukukhahlela,

nditsho abo babefudula beziikumkani zezizwe

kungokunje nabo bayavusw’ ezililini.

10 Bonke bobhekisa kuwe, bathi:

“Ingaba nguwe na lo selelutywantsi?

Ingaba nguwe na lo ofana nathi?”

11 Ubunewu-newu bakho namhla bugqunyelelwe,

ngokunjalo nengoma yezigingci ingcwatyiwe.

Ngoku umandlalo wakho ziimpethu;

kukalokunje ingubo yakho seyingamanundu.

12 Khawutsho! Ukhiqwe kanjani emazulwini?

Kutheni, khwezi lomso elinguBhabheli?

Wen’ owawufudul’ ugeq’ izizwe

ngoku uthe khalakahla bhalakaxa!

13 Kaloku wawuzithuthuzel’ usithi:

“Mna ndosuka ndintingel’ ezulwini,

ndibe ngaphaya kweenkwenkwezi zikaThixo,

ndilimise khona ibhotwe lam,

ndingqendeve kuloo ntaba yembizo,

kwintlanganiso *yezithixo,

emalanda-lahla kweliphezulu.”

14 Wawusithi: “Ndonyukela emajuku-jukwini,

ndize ndizifanise noPhezukonke.”

15 Kambe ke usuke watshon’ engcwabeni,

weyela enzonzobileni yomhadi.

16 Abo bakubonayo ke ngoku bathe nqa!

Ewe, babamb’ ongezantsi, bathi:

“Lo asinguye na owayedidizelis’ ihlabathi,

intw’ ibiduma zirhwaqel’ izikumkani;

17 intw’ eyajij’ ilizwe latsho labharha,

eyabhukuq’ izixeko zatsho zangamabobosi,

emabanjw’ angazang’ akhululeka?”

18 Zonk’ iikumkani zezizwe ziphumle ngesihomo;

iyileyo ilele kwelayo ingcwaba.

19 Kambe ke wena uyindingan’ engenangcwaba;

wena uyinto esidumbu sibukulwayo.

Ngoku sewambethe ababuleweyo abagwazwe ngekrele,

abaphoswe emhadini ongxondorha.

Ngoku sewuyinto yokuxovulwa ngeenyawo;

20 owakh’ umngcwabo soz’ ufane nowabo.

Kaloku wena wabatshabalalisa wababhuqa;

wababopha ngentamb’ enye nabakho abantu.

Intw’ ekhohlakele nesizukulwana sayo

negama layo soze libe nto!

21 Iwu-u-u!

Lungiselela kugqityezelwe nenzala yakhe!

Ngenxa yenkohlakalo yooyise mabangasindi,

hleze bahlume, uze umvundl’ uzek’ indlela,

hlez’ eli lizwe lizale zizixeko zabo!

22 UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:

“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,

ndiyicim’ igama tu,

kungabikho hlumelo nanzala.

Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.

23 Ndakuyibetha itsho ibe yimigxobhozo, ibe likhaya lookhwalimanzi.

Inene, ndiya kuyitshayela ngentshabalalo engathethekiyo!”

Ukutshatyalaliswa kwama-Asiriya

24 *UNdikhoyo uSomandla-onke ufunge wathi:

“Konke endikucwangcisileyo kuza kwenzeka;

ziza kufezeka zonke iinjongo zam.

25 Ndiza kuwavikiva ama-Asiriyakweli lizwe,

ndiwanyhashe tu entabeni yam,

idyokhwe yawo yahlukane nabantu bam,

usuke umthwalo emagxeni abo.

26 Ezi ke ziinjongo zam mayela nehlabathi jikelele;

ingalo yam ijinga phezu kwezizwe zonke.”

27 UNdikhoyo uSomandla-onke ezimisele nje ke,

ngubani ongema ngaphambili?

Xa eyolule ingalo yakhe,

ngubani ongabuya amjike?

Intshabalalo yamaFilistiya

28 Nalu udaba olundilisekileyo olwavakala nyakana wasweleka ukumkani uAhazi:

29 Ke wena, Filistiya,yithi rhubaxa!

Ewe, musa ukuzikhohlisa uthi:

“Intonga ebendibethwa ngayo yaphukile,”

kuba kwakuloo mnombo kosuka kuthi gqi irhamba;

inzala yalo ke inobuhlungu kangako.

30 Aya kuhlutha amahlwempu abantu bam,

abahlelelekileyo bahlale bekhuselekile,

ke wena ndikugengqe ngendlala,

kungasali nditsho nempunde le!

31 Hlahlambani, masango;

bhombolozani, nina zixeko!

Ewe, tatazela urhwaqele, wena Filistiya!

Kuba nanko umsi uthuquza kweliphezulu;

loo mkhosi ke awunalo ityutyusi!

32 Kodwa kodwa singaphendula sithini ukuthetha namakhankatha eso sizwe?

Ewe, sowaphendula sithi:

“UNdikhoyo uyimise wayimilisela iZiyon,

ngoko ke zozimela kuyo iintsizana zakhe!”