Udaba mayela neMowabhi
1 Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neMowabhi:
KwelaseMowabhi yimbubho yodwa;
kaloku iAri ivuthululwe ngabusuku bunye.
Kunyembelekile eMowabhi phaya;
kaloku iKiri itshatyalaliswe ngabusuku bunye.
2 Nango amaDibhon enyukela endaweni yawo yokunqula,
esiya kuphalaza iinyembezi elila.
AmaMowabhi alilela iNebho neMedibha;
selede agugul’ iinwele neendevu.
3 Ezitalatweni ahamba enxibe ezokuzila;
phakathi kwabantu nasemakhaya sisijwili.
4 AmaHeshbhon namaElale ayabhomboloza;
isikhalo sawo sivakala naseYahaza.
Kubi, namajoni ngokwawo ayakhalaza;
kaloku nawo ngoku angenwa yingevane.
5 Ke mna ke ndikhalela iMowabhi,
kuba abantu bayo babhacel’ eZoware,
basabele e-Egelati-sheleshiya.
Nâbo bekhwina benyuka iLuti;
benz’ isimbonon’ ukusing’ eHoronayim,
benesingqala ngenxa yentshabalalo.
6 Intlanjana yeNimrim yona yome khonkqo,
notyani ecaleni kwayo apho butshazile;
ewe, akusekho hlaza, kome khwahla.
7 Ubuntwana-ntwana ababuqwebileyo nâbo bexhakazela bebuphethe,
besiya kuwela loo ngxingwa yemipampiri.
8 Yintlokoma yesikhalo eMowabhi jikelele.
Eso sililo sivakala nase-Eglayim;
eso sijwili sifikelela naseBhere-elim.
9 Emlanjeni kwisixeko saseDibhon namanzi ngokwawo abomvu ligazi.
Kanti ke mna Thixo ndisaza kwenza izinto zamehlo:
kuza kujub’ ugodo kwaseleyo amaMowabhi!