Ibuyambo
1 Intlango nomqwebedu ziya kuchulumacha;
elibharhileyo loba nemihlali liqhakraze njengentyatyambo.
2 Intlango yomemelela idlokove luvuyo;
yoba yinzwakazi enjengeentaba zaseLebhanon,
yochuma njengamasimi aseKarmele naseSharon.
Bonke bobubona ubungangamsha *bukaNdikhoyo,
bucace ubuhandiba nokomelela koThixo wethu.
3 Izandla ezinomkhinkqi mazomelele,
namadolo anengevane atsho adlamke.
4 Thetha namagwala, uthi:
“Qinani, ningabi nentaka!
Kaloku uyeza uThixo wenu;
uza epheth’ impindezelo.
Nank’ egush’ imbuyekezo;
ewe, uza kunihlangula.”
5 Kaloku ke kobona nemfama le yembala,
zitsho zivuleke neendlebe zesithulu,
6 nesiqhwala sidlobe sitsiba-tsibe okwempunzi;
nezimumu zomemelela ngemihlali.
Kaloku kompompoza amanzi nasentlango,
kugqabhuke imilambo nakwelibharhileyo.
7 Intlabathi evuthayo yojika ibe lichibi,
umhlab’ okhothekileyo uphanjwe yimithombo.
Asisathethi ke ngeendawo zikadyakalashe,
kuba zona zoba yimigxobhozo yemizi neengcongolo.
8 Apho ke kothi tyaba uhola;
leyo ke kothiwa yindlela yobungcwele
ekungekho namoni woze athi cakatha kuyo,
nasiyatha solahlekisa mntu kuyo.
9 Kuyo soze kubekho ngonyama,
ingasoze ihanjwe narhamncwa;
kuphela ngabakhululwe nguNdikhoyo
abaya kudakasa kuloo ndlela.
10 Abasindisiweyo nguNdikhoyo bobuyela eZiyon benemihlali,
bengqungqa bememelela ngochulumacho.
Soze babe sazana neentsizi nenkxwaleko;
boxhamla ulonwabo naphakade.