Izithixo zeBhabheli
1 “Namhlanje uBhele uthotyiwe; uNebho uwe bhaxa!
*Oothixo ebenikade nijikeleza nabo
namhlanje batyabula imiqolo yezilwanyana.
Ngenene baluxanduva lomthwalo.
2 Nâzo izilwanyana zisiwa zivuka.
Akukho kusinda kuzo;
zithinjwa kunye nomthwalo wazo.
3 “I-i-i-nzwi ke wena, ndlu kaYakobi!
Ndiphulaphuleni nina masalela endlu kaSirayeli,
nina endanixhasa kwasekukhawulweni kwenu,
ndaza ndanisingatha kwasekuzalweni kwenu.
4 Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule.
5 “Kodwa-kodwa ndolinganiswa nabani?
Ngubani na onjengam endinokufaniswa naye?
6 Abantu bakhupha igolide engxoweni,
isiliva bayilinganisa esikalini,
basuke baqeshe ingcibi, ibenzele uthixo;
kamva ke basuka bee guqaqa bamnqule.
7 Bambeka emagxeni, bamtyathe;
bambeke endaweni yakhe, eme bhuxe.
Kaloku yena lutiniko olungashukumiyo.
Udl’ imu noba umntu uyazibika kuye;
akakwazi kuhlangula mntu ezingxakini.
8 “Khumbulani le nto nizikise;
khaniyiguqu-guqule, nina bavukeli.
9 Khanikhumbule iziganeko zamandulo,
nivume ukuba mna ndinguThixo;
ewe, akukho thixo ufana nam.
10 Isiphelo ndasixela kwasekuqaleni;
kwamandulo ndazivakalisa izinto ezizayo.
Ndatsho ukuba icebo lam soze liwe,
koko ndokufezekisa oko ndikumisileyo.
11 Mna ndibize umfo empumalanga;
sisitshu esiya kurhiwula njengokhetshe.
Yena woyifezekisa yonke injongo yam;
njengoko ndithethile kuya kuba njalo kanye.
12 Phulaphulani, bantundini baneenkani,
nina banxaxhileyo elusindisweni.
13 Umhla wosindiso wona ndiyawusondeza;
ngenene awukude kuya phi.
Ukusindisa kwam akuyi kulibazisa;
ewe, ndiza kuyihlangula iZiyon,
uSirayeli ndimzisele isidima nesithozela.”