UISAYA 50

Ukuthinjwa kungenxa yezono

1 *UNdikhoyo uthethe wathi:

“Ùthi abantu bam ndabagxotha

okomfo esahlukana nomfazi wakhe?

Ziphi ke iincwadi zolo qhawukano?

Ngaba ndanithengisa kubani

njengomfo othengisa ngekhoboka lakhe?

Hayi kaloku, nathengiswa ngenxa yezono zenu;

nagxothwa wena nonyoko ngenxa yamatyala enu.

2 Ndakufika akubangakho bani undamkelayo;

ndaba ngamemeza akwasabela mntu.

Ngaba imfutshane na ingalo yam?

Ngaba andinako na ukukukhulula?

Mhlawumbi makube andinamandla na ukuze ndikusindise?

Ndithi ndingakhalima lome qoko ulwandle,

imilambo itsho ibharhe,

iintlanzi zife kukunqaba kwamanzi;

yeka ke elo phunga!

3 Isibhakabhaka ndisivathisa ngobumnyama,

amazulu anxibe ezokuzila.”

Intobeko yesicaka sikaNdikhoyo

4 UMhlekazi *uNdikhoyo undazisile into emandiyithethe,

ukuze ndikhuthaze abo batyhafileyo.

Ntsasa zonke undivusa ndiphulaphule

njengalowo ufundiswayo.

5 UMhlekazi uNdikhoyo undivule ingqiqo;

nam ke zange ndivukelane naye,

ngenene zange ndirhoxe kuye.

6 Ndazinikezela kwabo bandibethayo,

kwabo banditsala-tsalayo, bencothula intshebe yam,

bephatha kunditshicela ebusweni bendinyelisa.

7 Kaloku uMhlekazi uNdikhoyo uyandisiza;

ngoko ke andiyi kuhlazeka.

Ndikulungele ukunyamezela;

ewe, andisayi kudana.

8 UThixo ondithethelelayo ukufuphi nam;

yena wosuka andigwebele.

Ngubani ke ongade andimangalele?

Makeze kaloku, siye enkundleni;

makachaze izityholo andibeka zona.

9 Mna ndithethelelwa nguMhlekazi uNdikhoyo.

Ngubani ke onako ukundigweba?

Abandimangalelayo boguga njengengubo;

nabo baya kumemethwa ngamanundu.

10 Ngoobani na abamnqula ngentlonelo uNdikhoyo,

abasiphulaphulayo isicaka sakhe?

Ofikelwa bubumnyama, ekude nokukhanya,

makathembele ngoNdikhoyo;

ewe, makakholose ngoThixo wakhe.

11 Nina baphembi bamayelenqe,

isikhuni sobuya nomkhwezeli.

NguNdikhoyo oya kuyenza loo nto,

ke wena ufe ungcungcuthekile.