UISAYA 56

UThixo ngoweentlanga zonke

1 *UNdikhoyo uthethe wenjenje:

“Yenzani okusemthethweni noko kulungileyo.

Kaloku usindiso lwam lukufuphi,

nobulungisa bam buza kutyhileka.

2 Unoyolo ke umntu owenjenjalo,

nditsho umntu oyibambisisayo,

lowo uwuhlonelayo *uMhla wokuPhumla,

umntu ongawudeliyo awuxabhele,

nditsho ozigcinayo angenzi bubi konke.”

3 Intlanga ezibandakanya noNdikhoyo mayingathi:

“Inene uNdikhoyo wondikhetha kubantu bakhe.”

Nendoda elithenwa mayingakhalazi ithi:

“Mna ndinjengomthi ongenahlumela.”

4 Kumathenwa uNdikhoyo uthi:

“Ukuba niyawuhlonela *uMhla wokuPhumla,

ukuba nizimisele ukwenza izinto ezindikholisayo,

niwugcine ngokupheleleyo umnqophiso wam,

5 ndonenzela isikhumbuzo negama endlwini yam,

elingaphezu kokuba noonyana neentombi,

nditsho igama elingasoze litshitshe.

6 Iintlanga ezizibandakanya noNdikhoyo,

ezizinikeleyo kuye zimsebenzela,

ezizimiseleyo ukuba zizicaka zakhe,

lowo uwuhloneleyo uMhla wokuPhumla,

umntu ongawudeliyo awuxabhele,

owuthobelayo pheleleyo umnqophiso wam –

7 abanjalo ndobasa kwintaba yam eyodwa,

bonwabe endlwini yam yokuthandaza.

Amadini abo atshiswayo kunye neminikelo

aya kwamkeleka kwiqonga lam lamadini.

Kaloku indlu yam kothiwa yindlu yokuthandaza iintlanga zonke.”

8 Utsho ke uMhlekazi uNdikhoyo,

nditsho umqokeleli weembacu zikaSirayeli:

“Ndisaza kuqokelela nabanye

ngaphandle kwâbo sendibaqokelele.”

Iinkokheli ziyagxekwa

9 Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,

nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.

10 Kaloku iinkokheli zabo aziboni,

zizonke nje zititsekile

nqwa nezinja ezimumekileyo,

nditsho izinja ezingakhonkothiyo,

ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,

ezilangazelela ubuthongo kuphela.

11 Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;

zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.

Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;

zonke zenza ngokuzithandela;

ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.

12 Ungaziva zisithi:

“Yizani sihambe siye etywaleni;

masibutye sibuphathe ngeembambo.

Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”