UISAYA 61

Iindaba ezimnandi zovuyo

1 Ke mna ndonganyelwe nguMoya woMhlekazi *uNdikhoyo,

kuba kaloku uNdikhoyo undithambisile.

Undithume ukubhengeza iindaba ezimnandi kumahlwempu,

ndibophe abantliziyo zingamahlwili,

ndibhengeze ukukhululeka kwabathinjwa,

ndazise inkululeko kumabanjwa.

2 Undithume ukuba ndivakalise ndithi

uthwasile unyaka wobabalo lukaNdikhoyo,

umhla wempindezelo yoThixo wethu.

Uthi mandithuthuzele abo banesingqala;

3 ewe, abo banesingqala eZiyon mandibathi jize ngesithsaba endaweni yezimnyama,

intambiso yolonwabo endaweni yokulila,

ndibathi wambu ngengoma yochulumacho endaweni yomva-ndedwa.

Kaloku bona kothiwa bayimithi yobulungisa,

imithi etyalwe nguNdikhoyo ngokwakhe,

ukuze baphuhlise isihomo sakhe.

4 Bona baya kuzivusa izixeko zamandulo,

bawavumbulule namabhodlo asel’ adilizwa.

Baya kuzakha izixeko esezingamabobosi,

ezo zatshatyalaliswa kwizizukulwana ezadlulayo.

5 Ke zona iintlanga ziya kwalusa imihlambi yenu,

zilime amasimi, zijonge nezidiliya zenu.

6 Ke nina noba ngababingeleli bakaNdikhoyo;

niya kuba zizicaka zikaThixo wethu;

niya kubuxhamla ubutyebi bezizwe,

nitsho nizingce niqhayise ngabo.

7 Endaweni yokuhlazeka abantu bam bofumana isabelo esiphinda-phindiweyo,

endaweni yokunyoshoza bofumana ilifa elonwabisayo;

ewe, boba nenxaxheba yelifa eliphinda-phindiweyo kwelakowabo,

bahlale ngolonwabo olungasoze luthini.

8 Ke yena uNdikhoyo uthi:

“Mna Ndikhoyo ndithanda impatho enolungelelwano;

ndikuthiyile ukuphanga nobubhovu-bhovu.

Ndingothembekileyo nje, abantu bam ndobanika umvuzo,

ndibenzele umnqophiso ongasoz’ uthini.

9 Isizukulwana sabo soba ngoodumezweni,

inzala yabo yaziwe naziintlanga.

Bonke abababonayo baya kuvuma bathi:

‘Luhlanga oluthamsanqelweyo nguNdikhoyo.’ ”

10 Nditsho ndanemihlali ngenxa kaNdikhoyo;

umoya wam uyachulumacha ngoThixo wam.

Kaloku undithe wambu ngomnweba wosindiso,

ewe, yena undambathise isivatho sobulungisa,

ndatsho ndanjengomyeni eqhoqhonye intloko yakhe njengombingeleli,

ndanjengomtshakazi ozihombisa ngobuyoko-yoko bamaso.

11 Kwanjengokuba umhlaba uyintshulisa imbewu,

zitsho zikhule nezityalo ezisemyezweni,

noMhlekazi uNdikhoyo wotyala ubulungisa nendumiso,

zintshule zikhule kuzo zonke izizwe.