Igama elitsha leZiyon
1 Ngenxa yeZiyon andinakuthi cwaka,
ngenxa yeJerusalem andinakuthi tu,
bude ubulungisa bayo butshisele njengomsobomvu,
lude usindiso lwayo lukhanye njengesibane.
2 Izizwe zobubona ubulungisa bakhe,
nabo bonke ookumkani baluqonde udumo lwakho.
Ewe, uya kufumana igama elitsha
oya kulinikwa *nguNdikhoyo ngokwakhe.
3 KuNdikhoyo uya kuba sesingayiwayo isithsaba;
kuThixo wakho uya kuba yindwe yezinxiba-mxhaka.
4 Akusayi kuthiwa ungumshiywa,
umhlaba wakho kuthiwe yinkangala.
Kaloku kuya kuthiwa unguKholisile,
umhlaba wakho kuthiwe nguManyiwe.
Kaloku uNdikhoyo wanelisekile nguwe;
wozimanya neli lizwe ngokomyeni.
5 Kwanjengokuba umfana ethatha intombi
noonyana bakho baya kukuthatha;
njengokuba umyeni engaziva ngomtshakazi
noThixo wakho akayi kuziva ngawe.
6 Wena Jerusalem, ndokujikeleza ngabalindi;
imini nobusuku bayo bona soze bathi cwaka.
Nina ke, balindi,
nina nimkhumbuzayo uNdikhoyo ngezithembiso zakhe,
ze ningaphumli,
7 noNdikhoyo ngokwakhe ningamphumzi,
ade yena ayimisele iJerusalem
ibe sisixeko esidunyiswa lihlabathi jikelele.
8 UNdikhoyo ke yena wenze isifungo;
ngamandla akhe uya kusifezekisa:
“Ingqolowa yakho ayiyi kuphinda ibe sisisulu seentshaba zakho,
iintlanga azisayi kuyisela iwayini yakho,
yona leyo ubulaleke wedwa ngayo,
9 kodwa abo bayihlwayeleyo boyivuna –
baya kuyitya badumise uNdikhoyo ngayo;
ewe, abo bayiqokelelayo idiliya
bosela iwayini enkundleni yendlu kaThixo.”
10 Nina maJerusalem, phumani esixekweni,
niye kuhlahlela abantu indlela;
gqalan’ amatye nivule, nitsho ngohola,
nimise imbasa, nezizwe zitsho ziqonde.
11 UNdikhoyo ke wenze isihlokomiso kwihlabathi jikelele:
“Yithi kwintombi enguZiyon:
‘Uyambona, nanko esiza uMsindisi wakho!
Nanko ekuphathel’ umvuzo;
uza egushe imbuyekezo.’ ”
12 Bantu abo kothiwa ngabakhethekileyo,
uhlanga olukhululwe nguNdikhoyo;
iJerusalem ke kuthiwe nguThandiwe,
isixeko esingashiywanga sikhal’ ibhungane.