Ukumkani ozayo
1 Kambe ke akuyi kuhlala kumnyama kwabo bebesezinkxwalekweni. Kwilixa lamandulo elakwaZebhulon nelakwaNafetali lalidelekile, kambe ke kwilixa elizayo lo mmandla uya kuzuza udumo; nditsho ukusuka kulwandle lwasempuma ujikele uwele iJordan, uye kuthi gaa ngeGalili yeentlanga.
2 Abantu ababemfamza ebumnyameni
ngoku bakufumene ukukhanya;
kwabo babehamba ebumnyameni
kubo uthe qheke umsobomvu.
3 Wena usandisile isizwe sakho,
usuke waluthi chatha uvuyo lwaso.
Ngoko ke siyachulumacha ngenxa yakho,
de ngathi sinemihlali ngexa lokuvuna,
sengathi sigcotyiswe kukuxhaphaz’ amaxhoba.
4 Kaloku wena uyaphule idyokhwe yaso,
ulususile uxanduva nomqobo obusemagxeni.
Leyo ke yingcinezelo yomcinezeli.
Wena ubuthe kwanga kungomhla wamaMidiyan.
5 Zonke izihlangu zomkhosi ogxashizayo,
nazo zonke iimpahla ezidyojwe ligazi,
ziya kutshatyalaliswa ngomlilo.
6 Andithi na kaloku thina sizalelwe umntwana;
kaloku thina silizwe ngonyana.
Nguye ke oya kulawula.
Ke yena wothiywa igama kuthiwe
nguMcebisi omangalisayo,
uThixo oligorha,
uSonini-nanini,
iTshawe loxolo.
7 Yena uya kuba yingangalala,
into embuso uluxolo olungaphele ndawo.
Yena uya kungena ezihlangwini zikaDavide,
umbuso wakhe awumilisele ume ngxishi,
uxhathise ngomthetho nangobulungisa,
ukusukela ngoku kude kube nini-nini.
*UNdikhoyo onekhwele,
nditsho uSomandla-onke,
nguye oya kuyenza loo nto!
UNdikhoyo uyalwa noSirayeli
8 INkosi ithumele udaba kuSirayeli;
ewe, lona luya kuwa phezu koYakobi.
9 Bonke ke abantu baya kuluqonda,
uEfrayim nabemi baseSamariya,
abo baqholosa ngendelelo, besithi:
10 “Naxa nje zidilikile izindlu zezitena,
thina siya kwakha ngamatye aseleqingqiwe;
ngenene yona imithombe igawulwe,
kodwa thina sotyala imisedare.”
11 *UNdikhoyo ubayekele ngeentshaba,
nditsho iintshaba zeentshaba zabo;
ewe, usuke wabaxhokonxela iintshaba.
12 Ngama-Aramngasempumalanga,
ibe ngamaFilistiya ngasentshonalanga;
xa zizonke zigragramela uSirayeli.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
13 Kodwa suka abantu abazisola;
hayi, ababuyelanga kumohlwayi,
abazigobanga kuNdikhoyo uSomandla-onke.
14 Ngoko ke uNdikhoyo wosuka amohlwaye uSirayeli:
uya kumnquml’ intloko, amgumpul’ umsila;
uya kuncothul’ isundu, asiphul’ ingcongolo.
15 Intloko ke ngabadala nezihandiba;
wona umsila ngabashumayeli bobuxoki.
16 Kaloku aba bantu bayalahlekiswa;
ewe, bona bayaphuphuthekiswa.
17 UNdikhoyo ke akasabakhathalele nabafana,
akayi kuthi thiki nangabahlolokazi neenkedama,
kuba bonke zintw’ ezingento, bakhohlakele,
imilomo yabo iphuphum’ ububi.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!
18 Kaloku inkohlakalo yabantu ivutha njengomlilo;
ileny’ inkunzane ngokunjalo nobobo,
idangazel’ okomlilo wehlathi,
ithunquza okwentshinyela yomsi.
19 Ngenxa yomsindo kaNdikhoyo onamandla onke
eli lizwe liza kuvutha,
umlilo udangazeliswe ngabantu,
kungabikho nonak’ umntakwabo.
20 Bonqwamza ngapha, bangahluthi noko;
banqunqude ngapho, banganeli noko;
ewe, boda batye noogxa babo.
21 UManase noEfrayim bosuka bahlaselane,
kananjalo bosuka badibane ngoJuda.
Naxa kunjalo uNdikhoyo usafuthekile;
nanko elekuza ngaloo ngalo yakhe!