Udaba malunga neFilistiya
1 Nali ilizwi *likaNdikhoyo elavakala kumshumayeli uJeremiya mayela neFilistiyangaphambi kokuba ukumkani waseJiputaahlasele iGaza;
2 lithi utsho uNdikhoyo ukuthi:
“Khangela ukuvumbuluka kwamanzi ngasentla
atsho abe ngumdolomba oya kugubungela umhlaba
nako konke okukuwo,
izixeko nabemi bazo.
Abantu baya kukhala,
batsho ngesijwili bonke abemi balapha.
3 Ngenxa yesingqi sokuphala kweembalasane zamahashe,
nokugoqoza kweenqwelo,
nokuxokozela kwamavili,
ooyise babashiye enyanyeni abantwana,
kuba izandla zabo ziwile.
4 Kaloku ufikile umhla wokutshatyalaliswa kwawo onke amaFilistiya,
nokuphanziswa kwawo onke amasalela anokunceda iTire neSidon.
Kaloku uNdikhoyo uza kuyitshabalalisa iFilistiya
elisalela lababevela kwisiqithi saseKafetori.
5 IGaza iza kucheba izile,
iAshkelon yona ikhwankqiswe.
Masalelandini asemathafeni,
koda kube nini na nizicenta nimbambazela?
6 “ ‘Hayi bo, krelendini likaNdikhoyo,
wopheza nini na?
Rhoxa ubuyele esingxotyeni,
uphumle uzole.’
7 Kambe ke lingathini ukuphumla
uNdikhoyo elinike umsebenzi nje eAshkelon
nakumathafa angaselwandle?
Uthe maliye kutyakatya apho.”