UJona uyathandaza
1 Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,
2 wathi:
“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,
waza ke yena wandiphendula.
Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,
waza ke wena waliva ilizwi lam.
3 Wena wandiphosa enzonzobileni,
phakath’ enzulwini yolwandle,
yaza ke imisinga yandigubungela,
amaza akho alatyuza andisibekela.
4 Ndathatha ndibeka ndisithi:
‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’
Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.
5 Andigubungela phants’ andirhaxa amanzi,
ndathi zwabhabha enzonzobileni.
Izityalo zolwandle zayithandela intloko yam.
6 Ndatshona ndehla mpela,
ndee xhaxhe ngeengcambu zeentaba.
Ndafika nakwelo lizwe
elivalwe mfamlibe ngemivalo.
Ke wena, Ndikhoyo Thixo wam,
wandibuyisa ndiphilile kwelo ngcwaba.
7 “Ndithe ndakubona ukuba ubomi bam buyacutheka,
suka ndakukhumbula wena, Ndikhoyo,
umthandazo wam wanyukela kuwe,
waya kutsho endlwini yakho engcwele.
8 Kambe ke, abazilibazisa ngezithixo ezingento yanto,
balahlekana nenceba yakho.
9 Ke mna ndonikela kuwe ngedini,
ndihlabele iculo lokukudumisa.
Ndosifezekisa isibhambathiso sam.
Usindiso lukuNdikhoyo.”
10 Ke kaloku uNdikhoyo wayiyalela intlanzi, yaza yamhlanza uJona emhlabeni owomileyo.