UMIKA 2

Isohlwayo sabacinezeli

1 Mawoo ke, nina baceba ububi –

nditsho nina bayila inkohlakalo kwiimandlalo zenu!

Kwakusa benza loo nkohlakalo,

kuba kaloku isemandleni abo.

2 Bakunqwenela intsimi bayayohlutha;

bakubawela indlu bayayoxutha.

Umzi womntu bawuthatha ngobuqili,

ilifa lomfo liphelele kubo.

3 Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi:

“Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini;

aningekhe nibe nako ukusinda kuso.

Soze nibe sahamba ngebhongo,

kuba koba kugos’ okwaphukayo.

4 Ngaloo mini niya kuba sisigculelo,

baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi:

‘Basivuthulule satshabalala mpela;

balahlula-hlule ilifa labantu bam.

UNdikhoyo ulithathile kuthi

walinikela kwabo bangabavukeli.’ ”

5 Ngoko ke akuyi kubakho mntu,

nditsho ebandleni likaNdikhoyo,

oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.

Abashumayeli abakhohlisayo

6 Abashumayelayo bathi:

“Hayi, musa ukushumayela!

Sukushumayela ngayo le nto;

akukho hlazo liya kusihlela.”

7 Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:

“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?

Uthi angazenza izinto ezinjalo?”

“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?

8 Abantu bam basand’ ukundivukela oku kotshaba.

Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,

nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.

9 Niyabagxotha abafazi bakowethu,

bemke emizini elibhongo labo.

Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,

bangaze bayifumane naphakade.

10 Yithi thwas’ uhambe,

kuba le asiyondawo yakuphumla.

Ewe, le ndawo ixabhelekile;

ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.

11 Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:

‘Mna ndishumayela indyebo;

yoba yindyikityha yewayini notywala;’

yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”

Ukubuyiswa kwamasalela

12 “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;

ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.

Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.

Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.

13 Uvulindlela wohamba phambi kwabo;

botyhoboza baphume esangweni.

Ukumkani woba yena ekhokele,

*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”