Isohlwayo sabacinezeli
1 Mawoo ke, nina baceba ububi –
nditsho nina bayila inkohlakalo kwiimandlalo zenu!
Kwakusa benza loo nkohlakalo,
kuba kaloku isemandleni abo.
2 Bakunqwenela intsimi bayayohlutha;
bakubawela indlu bayayoxutha.
Umzi womntu bawuthatha ngobuqili,
ilifa lomfo liphelele kubo.
3 Ngoko ke utsho *uNdikhoyo ukuthi:
“Ndiniqulunqela isithwakumbe, bantundini;
aningekhe nibe nako ukusinda kuso.
Soze nibe sahamba ngebhongo,
kuba koba kugos’ okwaphukayo.
4 Ngaloo mini niya kuba sisigculelo,
baphoxise ngani ngelenzila iculo, besithi:
‘Basivuthulule satshabalala mpela;
balahlula-hlule ilifa labantu bam.
UNdikhoyo ulithathile kuthi
walinikela kwabo bangabavukeli.’ ”
5 Ngoko ke akuyi kubakho mntu,
nditsho ebandleni likaNdikhoyo,
oya kwaba umhlaba *ngeqashiso.
Abashumayeli abakhohlisayo
6 Abashumayelayo bathi:
“Hayi, musa ukushumayela!
Sukushumayela ngayo le nto;
akukho hlazo liya kusihlela.”
7 Ndlu kaYakobi, ngani ukuba kuthiwe:
“Ngaba uMoya kaNdikhoyo ukhathazekile?
Uthi angazenza izinto ezinjalo?”
“Akazali buhle na amazwi am kwabo bahamba ngokuthe ngqo?
8 Abantu bam basand’ ukundivukela oku kotshaba.
Abo badlulayo bengacingele nto, oku kwamajoni avela emfazweni,
nibahluba izambatho zabo ezingayiwayo.
9 Niyabagxotha abafazi bakowethu,
bemke emizini elibhongo labo.
Abantwana babo nibohlutha intsikelelo yam,
bangaze bayifumane naphakade.
10 Yithi thwas’ uhambe,
kuba le asiyondawo yakuphumla.
Ewe, le ndawo ixabhelekile;
ifikelwa yintshabalalo engenakunqandwa.
11 Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:
‘Mna ndishumayela indyebo;
yoba yindyikityha yewayini notywala;’
yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”
Ukubuyiswa kwamasalela
12 “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;
ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.
Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.
Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.
13 Uvulindlela wohamba phambi kwabo;
botyhoboza baphume esangweni.
Ukumkani woba yena ekhokele,
*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”