Kugxekwa iinkokheli zakwaSirayeli
1 Suka ke mna ndathi:
“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,
nani balawuli bendlu kaSirayeli.
Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?
2 Kambe ke, nibuthiyil’ ubulungisa, nithand’ ububi.
Abantu bam nibahlubulula ulusu,
nibabhunyule inyama emathanjeni.
3 Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,
nibahlube ulusu lwabo,
amathambo abo niwakroboze,
nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,
ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”
4 Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.
Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.
5 Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,
abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,
ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,
utsho uNdikhoyo ukuthi:
6 “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;
kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.
Abashumayeli botshonelwa lilanga,
nemini isuke ixubayele.
7 Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,
oosiyazi baphoxeke.
Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,
kuba bengaphendulwa nguThixo.”
8 Ke mna okokwam ndomelele;
uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,
undithe jize ngobulungisa namandla,
ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,
uSirayeli ndimbonise isono sakhe.
9 Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,
nani balawuli bendlu kaSirayeli,
nina babuthiyileyo ubulungisa,
nina bagqwethi bolungelelwano.
10 IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;
iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.
11 Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;
ababingeleli basebenzela inzuzo,
nabashumayeli benza izityhilelo khon’ ukuze bazuze imali,
kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:
“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.
Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”
12 Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,
iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;
ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.