UMIKA 3

Kugxekwa iinkokheli zakwaSirayeli

1 Suka ke mna ndathi:

“Phulaphulani, zinkokheli zakwaYakobi,

nani balawuli bendlu kaSirayeli.

Beningafanele na ukubuqonda ubulungisa?

2 Kambe ke, nibuthiyil’ ubulungisa, nithand’ ububi.

Abantu bam nibahlubulula ulusu,

nibabhunyule inyama emathanjeni.

3 Ewe, abantu bam nibadla ngathi bayinyama,

nibahlube ulusu lwabo,

amathambo abo niwakroboze,

nibanqunqe oku kwenyama elungele imbiza,

ngathi yinyama eza kuphekwa ngongxawu.”

4 Boba ngakhala ke *kuNdikhoyo asuke yena angabaphenduli.

Ngelo xesha yena uya kubafulathela ngenxa yobubi ababenzileyo.

5 Ngokusingisele *kubashumayeli abalahlekisa abantu bakowethu,

abalilisela ngoxolo kwabo babanika ukutya,

ukanti kwabo bangabanikiyo sele bequlele imfazwe,

utsho uNdikhoyo ukuthi:

6 “Ngoko ke ubusuku buya kunigubungela, ningabi namibono;

kuya kuba mnyama, ningabi satyhilelwa nto.

Abashumayeli botshonelwa lilanga,

nemini isuke ixubayele.

7 Iimboni ke zona ziya kuhlazeka,

oosiyazi baphoxeke.

Baya kuba zizishwayimbana, babufihle ubuso,

kuba bengaphendulwa nguThixo.”

8 Ke mna okokwam ndomelele;

uMoya kaNdikhoyo uyandongamela,

undithe jize ngobulungisa namandla,

ukuze ndixelele uYakobi ubugwenxa bakhe,

uSirayeli ndimbonise isono sakhe.

9 Yivani, zinkokheli zendlu kaYakobi,

nani balawuli bendlu kaSirayeli,

nina babuthiyileyo ubulungisa,

nina bagqwethi bolungelelwano.

10 IZiyon niyakha ngobutyadidi begazi;

iJerusalem niyiseka ngenkohlakalo.

11 Iinkokheli zayo zisebenza ngenxa yokunyotywa;

ababingeleli basebenzela inzuzo,

nabashumayeli benza izityhilelo khon’ ukuze bazuze imali,

kodwa bayame ngoNdikhoyo besithi:

“UNdikhoyo ukho phakathi kwethu.

Ngekhe sihlelwe bububi mpela.”

12 Ngoko ke, ngenxa yenu, iZiyon yolinywa njengentsimi,

iJerusalem yona ibe ngamabhodlo;

ke yona intaba yendlu kaThixo ibe ngummango wamahlathi.