1 Ndiyintyatyambo yaseSharon,
inyibiba yasentilini.
Umyeni
2 Njengenyibiba phakathi kwameva
sinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.
Umtshakazi
3 Njengomthi weeapile ehlathini
sinjalo isithandwa sam phakathi kwabafana.
Akwaba bendingahlala emthunzini wawo;
azimnandi ngako iziqhamo zawo!
4 Wandingenisa endlwini yombhiyozo,
wandiphakamisela intshinga yothando.
5 Ndomeleze ngesixa seerasentyisi,
kananjalo undihlaziye ngeeapile.
Kaloku ndiyafa luthando.
6 Isandla sakhe sasekhohlo sixhasa intloko yam,
esokunene sona siyandiwola.
7 Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa
ngamabhadikazi namanxalakazi asendle:
Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;
luyekeni lude luzivukele ngokwalo.
8 Khanive, sisithandwa sam eso!
Awu, naso ke sisiza:
siza siqakatha ezintabeni;
siyatsiba-tsiba ezindulini phaya.
9 Isithandwa sam ngathi linxala,
sona sinjengetakane lebhadi.
Naso simi emva kodonga lwakowethu,
silolonga efestileni,
sinyondla, sikroba emkhusaneni.
10 Isithandwa sam sibhekisa kum, sisithi:
“Vuka kaloku, sithandwa sam.
Awu, uyinzwakazi ke khona!
Yiza kaloku, masihambe.
11 Kaloku bona ubusika budlule,
kananjalo neemvula zigqithile.
12 Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;
ligalelekile ixesha lokuntyiloza.
Nâlo ihobe lidumzela;
ewe, liyavakala kweli lakowethu.
13 Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;
ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.
Phakama uze, sithandwa.
Ewe, nzwakazi yam,
yiza kaloku, masihambe!”
Umyeni
14 Uyintw’ engathi lihotyazana
lithe nca ezimfanteni zamawa;
nditsho elizimela ezintabeni.
Vela kaloku ndikubone,
ukuze ndive nelo lizwi;
nditsho elo liyole kunene.
Ubuso bakho buthi ndijonge!
15 Khawusibambele ezo mpungutye;
ewe, iimpungutyana ezincinci,
kuba ziyazonakalisa izidiliya,
kanti izidiliya zethu zityatyambile.
Umtshakazi
16 Isithandwa sam sesam,
kanti nam ngokwam ndingowaso.
Sona salusa phakathi kweenyibiba.
17 Ide ke isangane imini,
ke wona amathunzi anabe,
jika ubuye, sithandwa sam.
Ewe, khawube njengenxala;
khawuxel’ ithole lebhadi
kuloo mixawuka yeentaba.