1 Ubusuku bonke emandlalweni wam
ndahlala ndimlindele olangazelelwa yintliziyo yam;
ndaba ngamjonga kodwa andamfumana.
2 Ndosuka ndivuke ndihamba-hambe esixekweni,
ndijikeleze ezitalatweni nasemabaleni;
ndomzingela lowo ulangazelelwa yintliziyo yam.
Ewe, ndaba ngathalaza andamfumana.
3 Ke bona abalindi bandibhaqa;
bona babehamba-hamba bejikeleza isixeko:
“Ngaba khange nisibone isithandwa sam?”
4 Ukubanje ndahlukane nabo
suka ndagaxeleka kuye ndamfumana.
Hayi ke, ndambamba andamyeka,
ndaza ndaya naye endlwini kamama,
kwigumbi lalowo ndakhawulwa nguye.
5 Zintombi zaseJerusalem, ndinifungisa
amanxala namabhadi asemathambekeni:
Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;
luyekeni lude luzivukele ngokwalo.
6 Ngubani na lo uthi gqi entlango,
lo ngathi ngumqulu womsi?
Nditsho lo uqholwe ngesiqhumiso nentlaka
esiphuma kwiziqholo zabarhwebi.
7 Tyhini, yinqwelo kaSolomon!
Ukhatshwa ngamashumi amathandathu amajoni,
ezona ngcungela zamagorha akwaSirayeli.
8 Onke agaxel’ amakrele;
onke ngoompondo zihlanjiwe emfazweni.
Ngalinye lixakath’ ikrele;
selilungel’ izigigaba zobusuku.
9 Ukumkani uSolomon uzenzele inqwelo,
eyenza ngamaplanga omthi waseLebhanon.
10 Iintsika zayo zityatyekwe ngesiliva,
amazantsi ayo atyatyekwa ngegolide.
Isihlalo sona sênziwa ngelaphu elimsobo;
umphakathi ke wona uthungwe ngobunono
zezo ntombi zaseJerusalem.
11 Phumani, zintombi zaseZiyon;
khanikhangele nimbone ukumkani uSolomon.
Nanko ethwele isithsaba sobukhosi,
eso wasithweswa ngunina
mhla zawelan’ iindonga,
mhla intliziyo yakhe yaphuphuma luvuyo!