UNCUTHU LWENGOMA 6

Abatheleli

1 Nzwakazindini etshatsheleyo,

siye ngaphi isithandwa sakho?

Ngaba sibhekise ngaphi,

khon’ ukuze nathi sikufunise?

Umtshakazi

2 Simke saya emyezweni waso,

apho kutyalwe iziqholo khona.

Sizalusele khona emyezweni,

kananjalo siqokelela iinyibiba.

3 Isithandwa sam sesam, nam ndingowaso;

salusela phakathi kweenyibiba.

Umyeni

4 Awu, waza wamhle, sithandwa sam!

Uyinzwakazi okwesixeko iTiza;

umhle nqwa neJerusalem;

unesihomo ngathi ngumkhosi onendwe.

5 Hayi, musa ukundijonga;

amehlo akho ayandongamela.

Iinwele ngathi ngumhlambi weebhokhwe

zisihla kuloo mixawuka yaseGiliyadi.

6 Amazinyo amhlophe qhwa,

ngathi ziigusha zivela kuhlanjwa.

Onke asenamaqabane awo;

akukho lingumth’ uzimele.

7 Izidlele ngaphaya kwesigqubuthelo

ngathi ngamacala erharnati.

8 Amakhosikazi ngamashumi amathandathu,

amaqadi ngamashumi asibhozo,

ngokunjalo nentaphane yeentombi,

9 ke mna andiziva ngehobe lam,

yena cikizwa wam onguye qwaba!

Nguyedwazana kanina,

yena ngumathandwa walowo umzeleyo.

Zonk’ iintombi ziyamdumisa zakumbona;

unconywa ngamakhosikazi namaqadi.

10 Ngubani lo uthi gqi ngathi ngumso,

omkhitha ngathi yinyanga,

oqaqambe ngathi lilanga,

ondili ngathi ziinkwenkwezi zingumngcelele?

11 Ndihle nday’ emyezweni wemithi yeenati,

ndaya kubuka izityalo entilini.

Ndiye kukhangela ukuba imidiliya iyadubula na,

nokuba ngaba imirharnati iyatyayamba na.

12 Ndithe ndingaqondi ndazibhaqa

sengathi ndilitshawe lamatshawe,

ndiphethe iinqwelo zokulwa zabantu bakowethu.

Abatheleli

13 Buya, buya, mShulemikazi!

Buya, buya, ukuze sikubone!

Umtshakazi

Nobona ntoni na kakade kumShulemikazi

lo gama angqungqayo phakathi kwemikhosi?