UZAKARIYA 13

Ukuhlanjululwa

1 “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.

2 “Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo.

3 Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.

4 “Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.

5 Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’

6 Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”

Ukuchithakala komhlambi

7 *UNdikhoyo onamandla onke uthi:

“Vuka, krelendini!

Vukelana nomalusi wam,

nditsho lo mfo usondeleyo kum.

Ewe, bulala umalusi;

iigusha ziya kuchithakala.

Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”

8 Utsho uNdikhoyo ukuthi:

“Ehlabathini jikelele

isibini esithathwini

sobethwa siwe phantsi sife,

ke sona isinye esithathwini sisale.

9 Isinye esithathwini ke eso

mna ndosifaka emlilweni,

ukuze sihlambuluke sibe nyulu

oku kwesiliva evavanyiweyo,

nditsho oku kwegolide enyibilikisiweyo.

Baya kulibiza igama lam,

ndize mna ndibaphendule.

Ndiya kuthi: ‘Bangabantu bam.’

Bona bathi: ‘UNdikhoyo nguThixo wethu.’ ”