Ubalo lokuqala eSinayi
1 Ke kaloku kwathi amaSirayeli eselapho kwintlango yeSinayi *uNdikhoyo wathetha noMosis *esesibingelelweni. Lo ke yayingumhla wokuqala wenyanga yesibini kunyaka wesibini amaSirayeli andulukayo eJiputa. Wamyalela wenjenje:
2-3 “Wena noAron yenzani ubalo, niwabale onke amaSirayeli ngokwezindlu nemizi yawo. Ewe, balani onke amadoda ayintanga yokuphuma aye emfazweni, oko kukuthi lawo akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu.
4 Kwindlu nganye thathani inkulu inincedise.”
5-15 Nanga ke amagama ezo nkulu zakhethelwa lo msebenzi:
KwaRubhen uElizure kaShedeyure
KwaSimon uShelumiyeli kaZurishadayi
KwaJuda uNashon ka-Aminadabhi
KwaIsakare uNataniyeli kaZuware
KwaZebhulon uEliyabhi kaHelon
KwaEfrayim (kaJosefu) uElishama ka-Amihudi
KwaManase (kaJosefu) uGamaliyeli kaPedazure
KwaBhenjamin uAbhidan kaGidiyoni
KwaDan uAhiyezere ka-Amishadayi
Kwa-Ashere uPagiyeli kaOkran
KwaGadi uEliyasafu kaDuweli
KwaNafetali uAhira kaEnan
16 Ngawo ke la amadoda âkhethwáyo ebandleni beziinkulu zezindlu zakowawo, izindlu zakwaSirayeli ukutsho.
17 UMosis noAron ke benala madoda
18 bawaqokelela onke amaSirayeli ngomhla wokuqala kwinyanga yesibini, baza bawabala ngokwezindlu nemizi yawo. Bawabhalisa bawabala onke amadoda akumashumi amabini eminyaka nangaphezulu
19 ngokomlomo kaNdikhoyo kuMosis. Le nto ke yenzeka kwintlango yeSinayi.
20-46 Ke kaloku onke amadoda ayintanga yokuya emfazweni, lawo aneminyaka emashumi mabini nangaphezulu, abhaliswa ngokwezindlu nemizi yawo, kuqalelwa kwaRubhen inkulu kaSirayeli.
Ngokwamanani kwindlu nganye ayemi ngolu hlobo:
KwaRubhen 46 500
KwaSimon 59 300
KwaGadi 45 650
KwaJuda 74 600
KwaIsakare 54 400
KwaZebhulon 57 400
KwaEfrayim kaJosefu 40 500
KwaManase kaJosefu 32 200
KwaBhenjamin 35 400
KwaDan 62 700
Kwa-Ashere 41 500
KwaNafetali 53 400
Bebonke: 603 550
47 Yona indlu yakwaLevi zange ibalwe,
48 kuba uNdikhoyo wayemyalile uMosis wathi:
49 “Xa ubala amadoda afanele imfazwe uze ungababandakanyi abaLevi.
50 Ndaweni yaloo nto bona uze ubamisele umsebenzi wesibingelelo. Kuya kuxhomekeka kubo ukufuduswa kwesibingelelo ndawonye nomsebenzi waso. Futhi ke apho simise khona siya kungqongwa kwangabo.
51 Nanini na nifuduka, isibingelelo sona siya kuxhomekeka kubaLevi. Ngabo abaya kusichitha xa nindulukayo, baze baphinde basakhe apho nimise khona. Ngoko ke umntu ongomnye osondela esibingelelweni makabulawe.
52 Amanye amaSirayeli la aya kuma ngokwezindlu zawo, amathile ephantsi kwembasa yawo.
53 Ke bona abaLevi ukuma kwabo baya kuphahla isibingelelo esiqulethe ubungqina bomnqophiso, basaluse, khon’ ukuze kungabikho bani usondelayo kuso, avusele amaSirayeli umsindo wam.”
54 Ngenene ke amaSirayeli enza ngokomyalelo kaNdikhoyo kuMosis.