EYASENTLANGO 34

Imida yelizwe laseKanana

1 *UNdikhoyo wanika uMosis

2 le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona.

3 Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo,

4 uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon,

5 apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.

6 “Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.

7 “Ngasentla umda uya kusuka kulwandle olukhulu, uye kurheca intaba iHore,

8 uye kuthi xhaxhe kwinkalo yeHamati; uze ke uye kurheca iZedada

9 neZifron, uye kuthi gaa ngeHazare-enan.

10 “Owasempuma uya kuphuma eHazare-enan, uye kuthi xhaxhe ngeShefam.

11 Uya kuhla uye eRibhela kwimpuma yeAyin, utyhutyhumeze kwiinduli ezikwimpuma yonxweme loLwandle lwaseGalili;

12 uze ke wenjenjeya ukuhla ngomlambo iJordan, uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo.

“Yomine ke le yimida yelizwe lenu.”

13 UMosis ke waxelela amaSirayeli, wathi: “Nâlo ke ilizwe eniza kulizuza *ngamaqashiso, ilizwe elabelwe izindlu ezilithoba ezinesiqingatha *nguNdikhoyo.

14-15 Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”

Iinjoli zomhlaba

16 *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:

17 “Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba.

18 Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise.

19-28 Nanga ke amagama eenkokheli ezo:

KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune
KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi
KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon
KwaDan uBhuki unyana kaJogeli
KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi
KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan
KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki
KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana
Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi
KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”

29 Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.