EYEZIQALO 16

UAbram noSarayi noHagare

1 Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare.

2 Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.

3 USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana.

4 UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.

5 USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”

6 Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.

7 Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure.

8 Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”

Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”

9 Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.”

10 Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”

11 Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:

“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.

Uze uthi nguIshmayeliigama layo,

kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.

12 Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;

uya kuchasa wonke ubani,

angafunwa ngumntu wonke naye.

Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”

13 UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.”

14 Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.

15-16 UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.