EYONQULO 23

Imisitho yezonqulo

1 *UNdikhoyo wathi kuMosis

2 makathethe namaSirayeli, athi: “Nantsi imisitho kaNdikhoyo emiselweyo emayaziswe ebantwini njengemibhiyozo yonqulo:

3 Zintandathu iintsuku eningenza ngazo umsebenzi, kodwa ze nikhumbule ukuba umhla wesixhenxe wona ngowokuphumla. Ze ningasebenzi ngaloo mhla,koko ze nihlanganisane ninqule. *UMhla wokuPhumla wona wahlulelwe uNdikhoyo, nditsho nokuba nihlala phi na.”

Umsitho wePasika kunye nesonka esinganyuswanga

4 “Nantsi imisitho *kaNdikhoyo emiselweyo, imibhiyozo yonqulo emayipapashwe ebantwini ngamaxesha ayo:

5 *IPasika kaNdikhoyo iqala ukutshona kwelanga ngomhla weshumi elinesine kwinyanga yokuqala.

6 Ngomhla weshumi elinesihlanu kuqala umsitho wezonka ezinganyuswanga. Kufuneka ningatyi isonka esinyuswe ngegwele kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.

7 Ngosuku lokuqala kwezi ntsuku zisixhenxe kufuneka niqokelelane nize kunqula, ningakhe nenze msebenzi.

8 Ze nenze iminikelo yomlilo kuNdikhoyo ngezi ntsuku zisixhenxe, niphinde ngosuku lwesixhenxe nibe nombhiyozo wokunqula, ningasebenzi nokusebenza.”

Intlahlela yesivuno

9 *UNdikhoyo wathi kuMosis

10 makathi kumaSirayeli: “Xa senifikile kwelo zwe ndininika lona, nize ngexesha lokuvuna nizise kumbingeleli intlahlela yezithungu zengqolowa.

11 Yena ke woziwanga-wangisa phambi koNdikhoyo, khon’ ukuze namkeleke kuye. Loo mnikelo umbingeleli kufuneka awenze ngomhla olandela *uMhla wokuPhumla.

12 Ngale mini niwanga-wangisa ngayo isithungu sengqolowa kufuneka nenze nedini elitshiswayo ngexhwane leduna elimnyaka mnye elingenasiphako.

13 Kufuneka nenze nomnikelo womgubo wengqolowa oxutywe neoyile yomnquma ube bunzima obuziikhilogram ezimbini. Ivumba lalo mnikelo liyamkholisa uNdikhoyo. Kufuneka ninikele newayini engangelitha enye, ibe ngumnikelo othululwayo.

14 Nize ningayityi ingqolowa esand’ ukuvunwa, nokuba ikrwada, nokuba igcadiwe, nokuba sisonka esibhakiweyo, de kube lo mnikelo niwenzile. Lo mmiselo maze ugcinwe nazizizukulwana zenu ngalo lonke ixesha.”

Umsitho wesivuno

15 “Ze nibale iiveki zibe sixhenxe ukususela ngalaa mini ilandela *uMhla wokuPhumla ebeniwanga-wangisa phambi *koNdikhoyo ngawo izithungu zengqolowa.

16 Kuya kuthi ke ngomhla wamashumi amahlanu, umhla osemva koMhla wokuPhumla wesixhenxe, nizise kuNdikhoyo omnye umnikelo wolibo lwengqolowa.

17 Imizi ngemizi kufuneka ize nezonka ezibini zinikelwe kuNdikhoyo, zibe ngumnikelo owanga-wangiswayo. Isonka ngasinye kufuneka senziwe ngomgubo wengqolowa obunzima buziikhilogram ezimbini, sinyuswe ngegwele, size sinikelwe kuNdikhoyo njengolibo lwesivuno sengqolowa.

18 Ezi zonka ziya kukhatshwa ngamaxhwane asixhenxe amnyaka mnye akhutshwa ngumzi wakwaSirayeli, kwakunye nenkunzi yenkomo eselula, kunye neebhokhwe ezimbini, kungabikho nanye inesiphako kuzo. Zoba lidini elitshiswayo elihamba kunye neminikelo yengqolowa neyewayini. Ivumba lalo mnikelo liyamkholisa uNdikhoyo.

19 Makwenziwe idini lesono ngeduna lebhokhwe, kunye nedini lobudlelane ngamaxhwane amabini angamaduna amnyaka mnye.

20 Umbingeleli wosondeza isonka kunye namaxhwane amabini, zibe ngumnikelo owanga-wangiswa kuNdikhoyo. Le yiminikelo eyenzelwa uNdikhoyo ize yahlulelwe ababingeleli.

21 Ngale mini nize ningasebenzi, koko ze nipapashe umbhiyozo wonqulo. Lo mmiselo kufuneka ugcinwe nazizizukulwana zenu naphi na apho zihlala khona.

22 “Xa nivunayo nize ningafikeleli kumlimandlela, ningakhwahlazi nandawoni na emasimini. Ukukhwahlaza kuyekeleni amahlwempu nabantu basemzini. Kaloku ndinguNdikhoyo uThixo wenu.”

Umsitho wonyaka omtsha

23-24 “Umhla wokuqala wenyanga yesixhenxe mawube ngumhla owodwa eniphumlayo ngawo; kufuneka nibe nombhiyozo wonqulo lakuhlokoma ixilongo.

25 Ze nenzele *uNdikhoyo umnikelo ngomlilo, ningaphathi msebenzi konke.”

UMhla wokuCamagusha

26-27 “Umhla weshumi kwinyanga yesixhenxe ngumhla wokungxengxezela izono zabantu. Ngaloo mini ze ningatyi nto konke; ze nibe nentlanganiso yonqulo, ninikele umnikelo *kuNdikhoyo ngomlilo.

28 Ningakhe nisebenze ngaloo mini; kaloku ngumhla wokucamagushela izono kuNdikhoyo uThixo wenu.

29 Umntu oya kuthi atye ngaloo mini uya kusikwa phakathi kwabantu bakaThixo.

30 Xa kukho othe wasebenza ngaloo mini mna Ndikhoyo ngokwam ndomcima igama.

31 Lo mmiselo maze ugcinwe nazizizukulwana zenu, nditsho naphi na apho zihlala khona.

32 Ukususela ukutshona kwelanga ngomhla wesithoba kude kutshone ilanga ngomhla weshumi lo mhla ze niwuthathe njengomhla owodwa wokuphumla, ekungayi kutyiwa nto ngawo konke.”

Umsitho wamaphempe

33-34 “Umsitho wamaphempe uqala ngomhla weshumi elinesihlanu wenyanga yesixhenxe, uqhube kude kuphele iintsuku ezisixhenxe.

35 Ngosuku lokuqala lwezi ntsuku nize nibe nombhiyozo wonqulo, ningasebenzi konke.

36 Yonke le mihla isixhenxe ze ninikele *kuNdikhoyo ngomlilo, niphinde nibe nombhiyozo wonqulo ngosuku lwesibhozo, nenze nomnikelo ngomlilo. Lo mhla ngumbhiyozo, yaye kufuneka ningasebenzi konke.

(

37 “Yiyo ke le imisitho emiselweyo eniya kuthi ngayo nipapashe imibhiyozo yonqulo, nisondeze kuNdikhoyo iminikelo yomlilo, namadini atshiswayo, neminikelo eziinkozo, nayo iminikelo yewayini. Konke oku kuya kuthi kufuneke ngemini nganye.

38 Le misitho yongezelelwe *kwiMihla yokuPhumla eqhelekileyo, futhi nale minikelo ixeliweyo yongezelelwe kwiminikelo yenu yesiqhelo, enidla ngokuyenza ngenxa yesithembiso, okanye eniyinikela kuNdikhoyo ngokuqhutywa yintliziyo.)

39 “Xa senivunile lo msitho wenzeni iintsuku zibe sixhenxe ukususela kumhla weshumi elinesihlanu wenyanga yesixhenxe. Usuku lokuqala kufuneka lube ngumhla owodwa eniphumla ngawo.

40 Ngaloo mini khethani ezona zihle iziqhamo emithini, niphathe amasundu namasebe ahlakahlaka, nize nenzele uThixo uNdikhoyo umbhiyozo.

41 Minyaka le ze nibhiyoze iintsuku zibe sixhenxe. Ngummiselo omaze ugcinwe nazizizukulwana zenu.

42 Kufuneka onke amaSirayeli ncam ahlale emaphempeni iintsuku zibe sixhenxe,

43 khon’ ukuze zazi izizukulwana zenu ukuba uNdikhoyo wawahlalisa emaphempeni amaSirayeli ukuwakhupha kwakhe eJiputa. Nguye kaloku uNdikhoyo uThixo wenu.”

44 Wenjenjalo ke uMosis ukuxelela amaSirayeli imimiselo yokugcina imisitho kaNdikhoyo.