EYONQULO 25

Unyaka wesixhenxe

1 *UNdikhoyo wathetha noMosis entabeni yeSinayi wamyalela

2 ukuba makanike amaSirayeli le mimiselo, athi: “Xa senifikile kwelo lizwe nilinikwa nguNdikhoyo, nomhlaba ngokwawo mawube nethuba lokuphumla ukuhlonela uNdikhoyo.

3 Kwiminyaka emithandathu nohlwayela, nithene imidiliya, nivune nokuvuna.

4 Unyaka wesixhenxe ke wona mayibe ngunyaka wokuphumza umhlaba, unyaka owahlulelwe uNdikhoyo. Ngawo ke nize ningalimi, ningayitheni nemidiliya.

5 Ingqolowa ezikhulelayo ingahlwayelwanga nize ningayivuni, neediliya ezivela ingathenwanga imidiliya ningayivuni. Kaloku lo ngunyaka wokuphumza umhlaba.

6 “Nokuba anilimanga ngaloo nyaka, umhlaba wona wovelisa ukutya okwanele nina, namakhoboka enu, kunye nezicaka zenu, nabantu basemzini abaphakathi kwenu,

7 nemfuyo yenu, kwakunye nezilwanyana zasendle. Kungátyiwa ke konke ukutya okuvelayo.”

Unyaka wobuyiselo

8 Ze nibale iminyaka yokuphumza umhlaba ibe sixhenxe – oko kukuthi iminyaka esixhenxe niyiphinda-phinde kasixhenxe. Loo nto yenza amashumi amane anethoba leminyaka.

9 Kuya kuthi ke ngomhla weshumi wenyanga yesixhenxe, uMhla wokuCamagusha, nithume indoda ilityhutyhe lonke, ivuthela ixilongo.

10 Niya kuwahlula ngale ndlela ke unyaka wamashumi amahlanu, nivakalise inkululeko kulo lonke ilizwe kubo bonke abemi. Ngalo nyaka umntu ngamnye makabuyele kumhlaba wakowabo nakubantu bakowabo.

11 Ze ningahlwayeli emasimini, ningayivuni ingqolowa nediliya ezikhulelayo.

12 Lo nyaka wonke mawube ngunyaka owodwa wenkululeko. Nokha nje into ezihlumelayo kuphela.

13 “Ngalo nyaka wobuyiselo yonke imihlaba ebithengisiwe kufuneka ibuyiselwe kumniniyo wokuqala.

14 Ngoko ke xa nithengisela amanye amaSirayeli umhlaba, okanye nithenga umhlaba wawo, ze nigenzi maqhinga.

15 Ngoko ke ixabiso enilibizayo malibalwe lifanelane neminyaka loo mhlaba uza kulinywa ngayo kude kube ngunyaka wobuyiselo ozayo.

16 Xa iminyaka eseleyo isemininzi, ixabiso kufuneka linyuke; kodwa ukuba imbalwa, kufuneka lihle ixabiso lawo. Kaloku eyona nto kuthengiswa yona linani lesivuno esinokuphuma kuloo mhlaba.

17 UmSirayeli angaze amqhathe uwabo, koko moyikeni *uNdikhoyo uThixo wenu.”

Ingxaki yonyaka wesixhenxe

18 “Yithobeleni yonke imimiselo nemithetho yam, khon’ ukuze nihlale kweli lizwe ningenaxhala.

19 Wona umhlaba wovelisa iziqhamo zawo, nitye nihluthe, nihlale kakuhle.

20 “Ubani usenokuthi: ‘Kuza kutyiwa ntoni ngalo nyaka wesixhenxe xa kungalinywayo, kungavunwayo nokuvunwa?’

21 Ndowusikelela umhlaba kunyaka wesithandathu, khon’ ukuze uvelise ngokwanele iminyaka emithathu.

22 Xa nilimayo ngonyaka wesibhozo noba nisatya ukutya ebenikuvune ngonyaka wesithandathu. Yaye noba nokutya okwaneleyo kude kuvunwe izilimo zalowo nyaka.”

Ukhululo-mhlaba

23 “Umhlaba wenu mawungathengiswa ngokupheleleyo, kuba kaloku awungowenu, ngowam; nina ningabantu basemzini nje abanemvume yokuwusebenzisa.

24 “Xa uthengisiwe umhlaba, umniniwo makabe nelungelo lokuphinda awukhulule.

25 Xa umSirayeli athe wahlwempuzeka, aze ke anyanzeleke ukuba awuthengise umhlaba wakhe, mawukhululwe sisizalwana sakhe ncam.

26 Umntu ongenasizalwana singawukhululayo angawukhulula ngokwakhe ukuba ubuye wahluma.

27 Xa kunjalo ke kufuneka ahlawule laa mntu ubewuthengile imali elingene neminyaka eseleyo ngaphambi kokufika konyaka wobuyiselo, aze abuyiselwe umhlaba kwangoko.

28 Xa engenamali ngokwaneleyo yokuwukhulula, uba ngowalaa mntu wayewuthengile kude kube ngunyaka wobuyiselo. Kufuneka ke ubuyiselwe kumniniwo ngaloo nyaka, aphinde aye kuhlala kuwo.

29 “Xa kukho umntu othengisa ngendlu esesixekweni esibiyelwe ngodonga, loo mntu unalo ilungelo lokuphinda awukhulule loo mzi wakhe kunyaka wokuqala.

30 Kodwa ke ukuba akaphindanga awukhulule ngaloo nyaka, ilungelo lakhe liyaphela, uze loo mzi ube ngowalaa mntu wayewuthengile, ube lilifa labantwana bakhe. Nangonyaka wobuyiselo awusokuze wona ubuyiselwe.

31 Yona imizi esezidolophaneni ezingabiyelwanga, iyafana nje naleya yomhlaba inkqubo yayo. Umnini-mzi unelungelo lokuphinda awukhulule, yaye kufuneka abuyiselwe ngonyaka wobuyiselo.

32 AbaLevi bona banelungelo nanini na lokuphinda bayikhulule imizi yabo esezidolophini zabo.

33 Xa kukho indlu ethengiswa ngumLevi edolophini yabo, ize ingakhululwa nguye kwakhona, kufuneka ibuyiselwe kumniniyo ngonyaka wobuyiselo; kaloku izindlu zabaLevi ezidolophini zabo zililifa labo.

34 Wona amadlelo angqinge imizi yabaLevi makangaze athengiswe; alilifa labantwana babo.”

Ukuboleka amahlwempu

35 “Xa umSirayeli wakuni omelene nawe ehlwempuzeka, kufuneka umxhase njengoko ufanele ukwenza kumngeneleli noxhwarhileyo, ukuze ahlale emelene nawe.

36 Uze ungambizi mdliwo; moyike uThixo wakho, khon’ ukuze umSirayeli wakuni amelane nawe.

37 Ungamhlawulisi nzala ngemali omboleke yona, ungenzi mdliwo ngokutya omthengisele kona.

38 Lo ngumyalelo wam mna *Ndikhoyo uThixo wenu owanikhulula eJiputa, ndaza ndaninika ilizwe laseKanana, ndaba nguThixo wenu.”

Ukhululo-makhoboka

39 “Xa umSirayeli omelene nawe ehlwempuzeke kangangokude azithengise abe likhoboka lakho, uze ungamsebenzisi okwekhoboka.

40 Kufuneka ahlale nawe njengomqeshwa okanye njengoxhwarhileyo, akukhonze de kufike unyaka wobuyiselo.

41 Ngelo xesha ke womkhulula abuyele kowabo kunye nentsapho yakhe, aye kumhlaba wooyise.

42 AmaSirayeli zizicaka zam wona, ndim owawakhupha eJiputa; akufuneki ke athengiswe abe ngamakhoboka.

43 Ze ningawaphathi gadalala; kaloku mhloneleni uThixo wenu.

44 Amakhoboka wathengeni kwezinye iintlanga eziningqongileyo.

45 Ningabathenga abantu abaxhwarhe phakathi kwenu, ngokunjalo nabezizwe zasemzini abazalelwe kwilizwe lakowenu. Abanjalo ningabathenga,

46 nibashiye babe lilifa labantwana benu, babe ngamakhoboka abo bonke ubomi babo. Kodwa amaSirayeli wona ningawaphathi gadalala.

47 “Xa kukho umngeneleli okanye umxhwarhi othe wahluma, watyeba, ze umSirayeli abe lihlwempu azithengise kuloo mntu, okanye kwisizalwana sakhe,

48 naxa selethengiwe, ilungelo lakhe lokubuya akhululwe ngamawabo usenalo. Usenako ukubuya akhululwe ngumntakwabo,

49 okanye uyisekazi, okanye umzala wakhe, nasiphi na isihlobo sakhe. Ukanti naye xa athe waphinda wahluma angazikhulula.

50 Kufuneka adibane nalowo umthengileyo, baze babale iminyaka ukususela ekuzithengiseni kwakhe kude kube ngunyaka wobuyiselo, baze bagqibe ngexabiso elingangemali ehlawulwa umqeshwa yonke loo minyaka.

51-52 Ukuzikhulula kufuneka abuyise icandelo lexabiso awayethengwe ngalo lilingane neminyaka esaseleyo. Ukuba iminyaka eshiyekileyo ukuya kunyaka wobuyiselo mininzi, kufuneka intlawulelo inyuke, ize xa imbalwa ihle.

53 Kaloku makuthathwe ngathi yena ebengumqeshwa ohlawulwa ngonyaka. Nto nje inkosi yakhe mayingamphathi gadalala.

54 Ukuba akahlawulelwanga okanye azihlawulele, kufuneka yena nabantwana bakhe bakhululwe kunyaka wobuyiselo.

55 UmSirayeli akanakusoloko elikhoboka. Kaloku amaSirayeli zizicaka zam. Ndim owawakhupha eJiputa, mna Ndikhoyo uThixo wenu.”