EYONQULO 26

Umvuzo wokuthobela

1 *UNdikhoyo wathi: “Ze ningazenzeli izinto nizinqule, ningaqingqi imifanekiso, okanye nimise iintsika zamatye, nikrole namatye, ze nijike nizinqule ezo zinto.Ndim uNdikhoyo uThixo wenu.

2 Nina gcinani *iMihla yam yokuPhumla, niyihlonele indawo endinqulwa kuyo. Kaloku ndim uNdikhoyo.

3 “Xa nisenza ngokwemimiselo yam, niyithobela imiyalelo yam,

4 ndiya kunipha imvula ngexesha, uze umhlaba wenu uvelise isivuno, nemithi ithwale iziqhamo.

5 Ngexesha enivuna iidiliya niya kuba nisabhula ingqolowa, kwaye iidiliya niya kuzivuna kude kufike ixesha lokuhlwayela ingqolowa kwakhona. Niya kutya nihluthe, nihlale ngokonwaba elizweni lenu.

6 “Ndiya kuzisa uxolo elizweni lenu, nilale ubuthongo obumnandi ningaxhalelanga bani. Amarhamncwa ndowaphelisa kwilizwe lenu, yaye akuyi kube kubekho mfazwe.

7 Utshaba lwenu noluswantsulisa, nilutyakatye ngekrele.

8 Isihlanu nje samadoda enu siya kulichitha-chitha ikhulu lamadoda; ukanti lona ikhulu lamadoda liswantsulise ishumi lamawaka. Ewe, iintshaba zenu nozibhuqa.

9 Ndiya kuba nani, ndinenze nichume nande, niwugcine umnqophiso endawenzayo nani.

10 Soba yintaphane isivuno senu, nikulahle ukutya okudala ukwenzela isivuno esitsha indawo koovimba benu.

11 Mna ndohlala ndihleli phakathi kwenu, ndingaze ndikruquke nini.

12 Ndoba nani, ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam.

13 Ndim mna Ndikhoyo uThixo wenu owanikhupha eJiputa ukuze ningabi ngamakhoboka ayo. Ndayaphula loo dyokhwe yobukhoboka, ndanenza abantu abaneqhayiya nebhongo.”

Isohlwayo sokungathobeli

14 Ubuye wathi *uNdikhoyo: “Xa ningandiphulaphuli, ningayithobeli imiyalelo yam,

15 naxa nisala ukuthobela imimiselo nemithetho yam, niwutyeshela nomnqophiso endawenza nani,

16 ndiya kunohlwaya. Ndonihlisela izibetho: izifo ezinganyangekiyo, nemikhuhlane eya kunitsho nityhaphake, ingcungcuthekise ubomi benu. Ewe, niya kulima, kodwa kungancedi nto, kuba utshaba luya kunifikela, lunichitha-chithe, lusidle isivuno eso.

17 Ndonishiya ukuze noyiswe, nize nilawulwe ziintshaba zenu ezithiyekileyo. Noba ngamaphaku-phaku abaleka engasukelwa bani.

18 “Xa ke, emva kwayo yonke loo nquleqhu, nithe anandithobela, ndosongeza isohlwayo ngokuphindwe kasixhenxe.

19 Ndozikhama ezo nkanana zenu. Izulu ndolivala: aniyi kufumana mvula; umhlaba wenu uya kutsha ube ngumqwebedu.

20 Niya kubila nisebenzela ilize; kaloku akuyi kuhluma nto kuloo mhlaba, nkqu nemithi ayiyi kuthwala nto.

21 “Xa ningagobiyo, ningeva nangoku, ndiya kuphinda ndizongeze ngokuphindwe kasixhenxe izibetho zenu.

22 Ndofaka amarhamncwa phakathi kwenu; aya kuqwenga abantwana benu, atshabalalise nemfuyo yenu, awathobe amanani enu, kutsho kungabikho mhambi ubonwa ehamb’ indlela.

23 “Xa nisandidela ningeva nangoku, nazingisa ukundichasa,

24 ndophinda ndinohlwaye kakhulu kunakuqala ngokuphindwe kasixhenxe.

25 Ndonohlwaya ngokunizisela imfazwe ngokuwaphula kwenu umnqophiso, nithi xa nibalekela ezixekweni zenu nizimela khona, ndilandelise ngobhubhani, ndininikezele kwiintshaba zenu.

26 Xa ndikunciphisa ukutya kwenu, isonka sobhakwa ngabafazi abalishumi kwiziko elinye qha, size sicakacwe. Kanti nohlala nilambile naxa nityile.

27 “Xa nithe kuyo yonke le nto nazingisa ukundichasa ningeva,

28 ndiya kuthi ngomsindo ndinijikele ndinohlwaye ngokuphindwe kasixhenxe kunakuqala.

29 Niya kulamba, nilambe nide nidle abantwana benu yindlala.

30 Iindawo ezisezindulini eninqula kuzo ndozidiliza, ndiwachithe amaqonga enu esiqhumiso, izidumbu zenu ndizifumbe phezu kwaloo mifanekiso iqingqiweyo, kuba kaloku ndokruquka nini ngokupheleleyo.

31 Ndozidiliza ngomsindo zibe ngamabhodlo izixeko zenu, ndizichithe iindawo eninqulela kuzo, ndingawamkeli amadini eniwanikela kum.

32 Ilizwe lenu ndolitshabalalisa liphele tu, kude kothuke notshaba olwalihlutha kuni.

33 Ndonizisela imfazwe, inichithe nibe ziintsalu kumazwe ngamazwe. Ilizwe lenu loba yintlango, nezixeko zenu zibe ngamabhodlo.

34-35 Kuya kuthi ke emva koko kubekho kwelo zwe iminyaka yokuphumza umhlaba obe ungasaphunyuzwa. Kaloku uya kushiyeka uxhamle iminyaka yokuphumla, lo gama nina nithe saa kwamanye amazwe.

36 “Abo benu bathe saa emazweni ndobenza amaphaku-phaku aphaphathekiswa naligqabi liphetshethwa ngumoya. Bophaphatheka babaleke ngathi bayasukelwa edabini, babe zizinto eziwa kungekho tshaba luziwisayo.

37 Niya kugilana nibaleka ningasukelwa mntu, ningabi nako nokumelana notshaba.

38 Nofela emazweni, nibe lixhoba lomhlaba weentshaba zenu.

39 Elo qaqobana liseleyo lona longcungcutheka, livikiveke ngenxa yesono senu nesooyihlo-mkhulu.

40 “Ke yona intsalela yenu yozohlwaya ngesono sayo nesookhokho bayo abandidelayo, bandivukela,

41 bandenza ndabafulathela, ndabadingisa emazweni eentshaba zabo. Kuya kuthi ke xa aba bantu bezithobile, bazohlwaya ngesono sabo sokundivukela,

42 nam ndikhumbule umnqophiso wam kuYakobi,nakuIsake,nakuAbraham,ndize ke ndisihlaziye isithembiso sokubanika ilizwe elilelabo abantu bam.

43 Ngalo lonke eli xesha umhlaba woba ungenamntu, uze uxhamle iminyaka yawo yokuphumla. Kaloku abantu bekufuneka bohlwaywe ngesenzo sokudela imithetho yam nemimiselo yam.

44 Kanti ke nangoku beselizweni leentshaba zabo, andiyi kubancama okanye ndikruquke ngabo kangangokuba ndibatshabalalise kuphele. Loo nto ingawuphelisa kaloku umnqophiso wam kubo; ibe ke ndim uNdikhoyo uThixo wabo.

45 Kodwa ndowuhlaziya umnqophiso endawenzayo kookhokho babo, xa ndandibonisa iintlanga zonke amandla am ngokukhupha abantu bam eJiputa, ndisenzela ukuba mna Ndikhoyo ndibe nguThixo wabo.”

46 Yonke ke le yimithetho nemimiselo nemigaqo eyanikwa uMosis nguNdikhoyo entabeni yeSinayi ukuba ayigqithisele kumaSirayeli.