EYONQULO 27

Amaxabiso okhululo

1 *UNdikhoyo wathi uMosis

2 makathi kumaSirayeli: “Xa kukho umntu obenikelwe kuNdikhoyo ngenxa yesifungo esithile, loo mntu angakhululeka xa kuhlawulwe ixabiso elifanelekileyo.

3 Ngomntu oyindoda obudala buphakathi kwamashumi amabini namashumi amathandathu kukhutshwa iingqekembe zesiliva ngokomlinganiselo *wasesibingelelweni ezimashumi mahlanu.

4 Ngomntu obhinqileyo oyile ntanga ngamashumi amathathu.

5 Ngenkwenkwe eminyaka mihlanu kude kuye kumashumi amabini kukhutshwa amashumi amabini eengqekembe zesiliva. Ngentombazana lishumi leengqekembe elikhutshwayo.

6 Ngenkwenkwe elusana olungaphantsi kweminyaka emihlanu kukhutshwa isihlanu seengqekembe zesiliva. Ezikhutshwa ngomntwana oyintombazana ziba ntathu.

7 Ngendoda engaphezu kwamashumi amathandathu ubudala kukhutshwa ishumi elinesihlanu, kuthi ngomfazi okwangako zibe lishumi.

8 Ke xa loo mntu ubenze isifungo engenako ukukhupha ngokomlinganiselo ovunyiweyo, kufuneka eze naloo mntu kumbingeleli, aze ke umbingeleli alithobe ixabiso libe ngangamandla aloo mntu kufuneka ehlawule.

9 “Xa isifungo ebesenziwe siphathelele kwinto exhelwayo eyamkelekayo ukwenzela uNdikhoyo umnikelo, loo nto sisipho esisodwa,

10 yaye ke loo mntu wenze isifungo akanako ukunikela ngenye into exhelwayo endaweni yaleyo, nokuba yelungileyo endaweni yengalunganga, okanye engalunganga endaweni yelungileyo. Xa athe wayenza loo nto, ziya kuba zezikaNdikhoyo zombini ke ezo zinto.

11 Kodwa xa ebethembise ngokunikela ngento engàtyiwayo, kufuneka loo mntu ayise kumbingeleli loo nto inikelwayo.

12 Yena ke umbingeleli womisa ixabiso layo ngangokulunga nokungalungi kwayo. Elo xabiso ke aliyi kuphikiswa mntu.

13 Xa loo mntu uyizisileyo efuna ukuyikhulula, kufuneka ahlawule elo xabiso, ongezelele nomdliwo. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)

14 “Xa kukho umntu onikela ngendlu yakhe kuNdikhoyo umbingeleli uya kuyixabisa ngokulunga nokungalungi kwayo. Elo xabiso aliyi kujikwa mntu.

15 Xa lo mntu obenikele ngendlu yakhe efuna ukuyikhulula, wohlawula ixabiso layo nomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)

16 “Xa kukho umntu onikela kuNdikhoyo ngenxenye yomhlaba wakhe, ixabiso lawo loba ngangobunzima bembewu efakwa kuwo. Umlinganiselo woba ziingqekembe ezilishumi zesiliva ngeekhilogram ezingamashumi amabini zengqolowa.

17 Kodwa xa lo mhlaba ewunikela kanye ngonyaka wobuyiselo, kufuneka afumane ixabiso lawo elizeleyo.

18 Xa ewunikela emva koko ngumbingeleli oya kubala ixabiso lemali emayihlawulwe ngangeminyaka eseleyo ukuya kunyaka wobuyiselo ozayo, aze amise ixabiso elithotyiweyo.

19 Xa loo mntu ubenikele ngaloo mhlaba efuna ukuwukhulula, kufuneka ahlawule elo xabiso, abuye ongeze nomdliwo. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)

20 Xa athe wawuthengisa komnye umntu loo mhlaba, engekabuyi awukhulule, uya lahlekelwa lilungelo lakhe lokubuya awukhulule.

21 Ngonyaka wobuyiselo loo mhlaba uya kuba ngokaNdikhoyo, ube lilifa lababingeleli.

22 “Xa kukho umntu onikela ngentsimi abeyithengile ingelilo ilifa lakhe,

23 kufuneka ixabiso layo umbingeleli alibale ngeminyaka eseleyo ukuya kunyaka wobuyiselo, yaye loo mntu yena kufuneka loo mali ayihlawule kwangaloo mini. Kaloku loo mali yekaNdikhoyo.

24 Ngonyaka wobuyiselo loo ntsimi kufuneka ibuyiselwe kulaa mntu abeyithenge kuye.

25 “Onke amaxabiso kufuneka amiswe ngokomlinganiselo ovunyiweyo wasesibingelelweni.

26 “Izibulo layo yonke into efuyiweyo selilelikaNdikhoyo; ke makungabikho bani wenza umnikelo ngalo ngenxa yesifungo asenzileyo. Ithole, itakane, ixhwane, konke oko kokukaNdikhoyo,

27 kodwa lona izibulo lento engàtyiwayo lingáthengwa ngexabiso lomlinganiselo ovunyiweyo, kongezwe nomdliwo ngaphezulu. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.) Xa lingakhange lithengwe ngumninilo lingáthengiswa komnye umntu ngexabiso elivunyiweyo.

28 “Akukho bani unokuthengisa okanye unokukhulula into eyahlulelwe uNdikhoyo ngokupheleleyo. Nditsho nokuba loo nto ngumntu, nokuba yinto efuywayo, nokuba ngumhlaba. Loo nto yekaNdikhoyo qwaba.

29 Nditsho nomntu onikelweyo akanakubuya akhululwe; kufuneka abulawe.

30 “Isishumi sayo yonke imveliso yomhlaba, nokuba loo mveliso iziinkozo, nokuba ziziqhamo, yonke loo nto mayahlulelwe uNdikhoyo; yeyakhe.

31 Xa kukho umntu ofuna ukukhulula inxenye yesishumi sakhe kufuneka ahlawule ixabiso elivunyiweyo, abuye ongezelele nangomdliwo. (Lo mdliwo woba sisinye esihlanwini.)

32 Kwimpahla efuyiweyo, nakanjani na enye kwezilishumi mayabelwe uNdikhoyo. Xa kubalwa imfuyo enye kwishumi ngalinye mayabelwe uNdikhoyo.

33 Umnini-mfuyo makangakhethi phakathi kwelungileyo nengalunganga imfuyo, okanye angatshintshisi. Xa enze loo nto ezo zinto zombini ziya kuba zezikaNdikhoyo; azinakube zikhululwe kuye.”

34 Yiyo ke le imiyalelo awayinikwa nguNdikhoyo uMosis entabeni iSinayi ukuba ayigqithisele kumaSirayeli.