Ukubhengezwa kwemiyalelo nemithetho
1 UMosis ekunye namadoda amakhulu akwaSirayeli wathi: “Ze niyithobele yonke imiyalelo endininika yona namhlanje.
2 Mhla nayiwela iJordan nangena kwelo lizwe niliphiwa *nguNdikhoyo uThixo wenu, ze nimise amatye amakhulu, niwatyabeke ngefutha,
3-4 niwabhale kuwo onke amazwi alo mthetho. Xa seniwelile nangena kwelo lizwe lobisi nobusi nalithenjiswa nguNdikhoyo uThixo wooyihlo-mkhulu, la matye ze niwamise kwintaba iEbhali, niwatyabeke ngefutha ngokwalo myalelo ndininika wona namhlanje.
5 Apho ke ze nakhele uNdikhoyo uThixo wenu iqonga lamadini ngamatye angaqingqwanga ngezixholo zentsimbi.
6 Kaloku iqonga enilakhela uNdikhoyo uThixo wenu kufuneka libe lelamatye angaqingqwanga.Kulapho ke ekufuneka ninikele ngamadini atshiswayo,
7 ngokunjalo nenze namadini obudlelwana, nitye ninombulelo apho phambi koNdikhoyo uThixo wenu.
8 Kuloo matye atyatyekwe ngefutha ke ze niwabhale ngokucacileyo onke amazwi alo mthetho.”
9 UMosis ekunye nababingeleli babaLevi ke wabhekisa kumaSirayeli, wathi: “Khanindibolek’ iindlebe, maSirayeli! Namhlanje nibe ngabantu bakaNdikhoyo ncakasana. Nguye iNkosi yenu.
10 Ngoko ke ze niyithobele imiyalelo nemimiselo endininika yona.”
Isiqalekiso ngenxa yentswela-mbeko
11 Ngaloo mini uMosis wawayalela amaSirayeli, wathi:
12 “Xa seniyiwelile iJordan ezi zizwe zilandelayo ze zime kwintaba iGerizim xa kuthamsanqelwa amaSirayeli:uSimon, uLevi, uJuda, uIsakare, uJosefu, noBhenjamin.
13 Kanti ke nazi eziya kuma kwintaba iEbhali xa kuqalekiswa: uRubhen, uGadi, uAshere, uZebhulon, uDan, noNafetali.
14 “Ke bona abaLevi baya kuvakalisa la mazwi bekhwaza besithi:
15 ‘Uqalekisiwe umntu oqingqa umfanekiso ngelitye, umthi, noba sisinyithi,aze awunqule emfihlakalweni. Into enjalo lisikizi kuNdikhoyo.’
“Ke bona abantu bophendula besithi: ‘Makube njalo!’
16 “ ‘Uqalekisiwe nabani na odela uyise noba ngunina.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
17 “ ‘Uqalekisiwe nabani na oshenxisa umlimandlela wommelwane.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
18 “ ‘Uqalekisiwe nabani na olahlekisa imfama endleleni.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
19 “ ‘Uqalekisiwe nabani na ogqwetha inyaniso xa kuthethwa ityala labangeneleli neenkedama nabahlolokazi.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
20 “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umka-yise, kuba unyelisa uyise.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
21 “ ‘Uqalekisiwe nabani na olala nesilwanyana.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
22 “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha udade wabo, nditsho intombi kayise nokuba yekanina.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
23 “ ‘Uqalekisiwe umntu owambatha umkhwekazi.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
24 “ ‘Uqalekisiwe umntu ogebenga umwabo engabonwa.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
25 “ ‘Uqalekisiwe umntu othengwayo khon’ ukuze agebenge abamsulwa.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’
26 “ ‘Uqalekisiwe nabani na ongazithobeliyo aziphumeze iimfundiso zalo mthetho.’
“Ke bona abantu bophendula bathi: ‘Makube njalo!’ ”