UBhildadi: Umntu akangebi msulwa enkundleni kaThixo
1 Kwesi sithuba ke kuphendule uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:
2 “Kaloku uThixo nguSomagunya, nguDuma-barhwaqele;
yaye ke ulugcinile ucwangco kweliphezulu.
3 Ngaba ukhona na ongazibalayo izinxiba-mxhaka zakhe?
Khona ngaba kuphi apho lungabonakaliyo ukhanyiso lwakhe?
4 Ngaba kungenzeka ukuba umntu afumaniseke emsulwa enkundleni kaThixo?
Uthi ingenzeka into yokuba umntu ozelwe ngumfazi angabi nabala?
5 Kaloku nenyanga ngokwayo ayiqaqambanga kangako phambi kwakhe;
kanti neenkwenkwezi ezi azingcwenganga kangako kuye.
6 Kuxa engubani ke yena umntu, eyimpethu nje?
Uthi unaxabiso lini unyana womntu kuThixo, engumbungu nje?”