UYOBI 25

UBhildadi: Umntu akangebi msulwa enkundleni kaThixo

1 Kwesi sithuba ke kuphendule uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:

2 “Kaloku uThixo nguSomagunya, nguDuma-barhwaqele;

yaye ke ulugcinile ucwangco kweliphezulu.

3 Ngaba ukhona na ongazibalayo izinxiba-mxhaka zakhe?

Khona ngaba kuphi apho lungabonakaliyo ukhanyiso lwakhe?

4 Ngaba kungenzeka ukuba umntu afumaniseke emsulwa enkundleni kaThixo?

Uthi ingenzeka into yokuba umntu ozelwe ngumfazi angabi nabala?

5 Kaloku nenyanga ngokwayo ayiqaqambanga kangako phambi kwakhe;

kanti neenkwenkwezi ezi azingcwenganga kangako kuye.

6 Kuxa engubani ke yena umntu, eyimpethu nje?

Uthi unaxabiso lini unyana womntu kuThixo, engumbungu nje?”