UYOBI 26

UYobi: Ùluncedo kubani na?

1 Ke yena uYobi uphendule wenjenje:

2 “Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!

Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!

3 Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;

hayi, ubulumko obubonakalisileyo!

4 Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?

Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”

UYobi: Ngubani ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?

5 “Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,

kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.

6 Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;

ayinasigqubuthelo inzonzobila.

7 Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,

waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.

8 Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,

aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.

9 Uyayifihla inyanga ingabonakali;

ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.

10 Wakwahlula ukukhanya ebumnyameni

ngeso sazinge sizotywe elundini lolwandle.

11 Uthi angakhalima zitsho zihexe iintsika ezixhase isibhakabhaka;

ewe, zitsho zizama-zame zingcangcazele kukoyika.

12 Kaloku yena ngaloo mandla akhe waluthomalalisa ulwandle,

waza kwangobo buchule bakhe wamvikiva uRahabhi isilo saselwandle.

13 Ngomoya wakhe ufutha sitsho sicwenge isibhakabhaka;

kanti ke ikwasisandla sakhe esangxwelerha inyoka enyubelezayo.

14 Kambe ke la ngamagqabantshintshi nje amandla akhe.

Thina esikuvileyo lumingi-mingi nje!

Ibingubani ke ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?”