UNdikhoyo: Wena omangalela uThixo, phendula
1 *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:
2 “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,
usalatha iimpazamo zakhe?
Wena omangalela uThixo, phendula.”
UYobi: Ndosuka ndiwuthunge umlomo
3 Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:
4 “Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.
Ndingaba saphendula ndithini?
Kungokunje ndidl’ imu.
5 Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,
kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”
UNdikhoyo: Ngaba nawe womelele njengoThixo?
6 Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:
7 “Khawuqule, ume njengendoda;
mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.
8 “Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?
Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?
9 Ngaba nawe womelele njengoThixo?
Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?
10 Xa kunjalo ke khawuvele uveth’ isidima uzimasekile;
khawuthi jize isihomo nesithozela.
11 Khawuphokoze loo msindo wakho,
ubaphoxe abo bazigwagwisayo.
12 Ewe, badilize abo baqholosayo;
ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.
13 Xa zizonke zibandakanye uzingcwabe;
zigqume zihlale kwelo labafileyo.
14 Xa kunjalo ke ndiya kuvuma,
ndisithi unako ukuzisindisa ngawakho amandla.
15 “Imvubule uyayiqonda?
Njengawe nayo ndayidala;
phofu yona injengenkomo, itya ingca.
16 Kambe ke, yeka – asimandla esinqeni sayo!
Yinto emzimba unemisipha engwanyalala!
17 Yinto emsila ungqangqasholo okomsedare;
ke zona izihlunu zemilenze ziphindene.
18 Amathambo ayo omelele njengobhedu;
ewe, afana nemivalo yentsimbi.
19 Kuzo zonk’ izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;
nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.
20 Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,
apho zidloba-dloba khona izilwanyana.
21 Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,
okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.
22 Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,
ufike ijikelezwe yimingcunube.
23 Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;
ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.
24 Kodwa kodwa ngubani ongayihlaselayo?
Ngaba uqale wayityhaphaza?
Ngubani ongayithiyela ayithi qhoo ngaloo mpumlo?