UYOBI 40

UNdikhoyo: Wena omangalela uThixo, phendula

1 *UNdikhoyo uqhube wathi kuYobi:

2 “Ngaba ufuna ukubambana noSomandla,

usalatha iimpazamo zakhe?

Wena omangalela uThixo, phendula.”

UYobi: Ndosuka ndiwuthunge umlomo

3 Ke yena uYobi uphendule *uNdikhoyo wathi:

4 “Xa kungokunje ndiyaqonda ukuba andinto yanto.

Ndingaba saphendula ndithini?

Kungokunje ndidl’ imu.

5 Ewe, ndithethe ndaphinda-phinda,

kambe ke ngoku ndosuka ndiwuthunge.”

UNdikhoyo: Ngaba nawe womelele njengoThixo?

6 Ke *uNdikhoyo waphendula esesaqhwithini, wathetha noYobi wathi:

7 “Khawuqule, ume njengendoda;

mna ndiza kukubuza, wena ke uphendule.

8 “Ngaba ufuna ukusisingela phantsi isigwebo sam?

Ugweba mna ukuze wena ugwetyelwe?

9 Ngaba nawe womelele njengoThixo?

Nelakho ilizwi lizongoma njengelakhe?

10 Xa kunjalo ke khawuvele uveth’ isidima uzimasekile;

khawuthi jize isihomo nesithozela.

11 Khawuphokoze loo msindo wakho,

ubaphoxe abo bazigwagwisayo.

12 Ewe, badilize abo baqholosayo;

ke zona izikhohlakali zinyhashele apho zikhoyo.

13 Xa zizonke zibandakanye uzingcwabe;

zigqume zihlale kwelo labafileyo.

14 Xa kunjalo ke ndiya kuvuma,

ndisithi unako ukuzisindisa ngawakho amandla.

15 “Imvubule uyayiqonda?

Njengawe nayo ndayidala;

phofu yona injengenkomo, itya ingca.

16 Kambe ke, yeka – asimandla esinqeni sayo!

Yinto emzimba unemisipha engwanyalala!

17 Yinto emsila ungqangqasholo okomsedare;

ke zona izihlunu zemilenze ziphindene.

18 Amathambo ayo omelele njengobhedu;

ewe, afana nemivalo yentsimbi.

19 Kuzo zonk’ izidalwa ithe kratya ngokukhwankqisa;

nguMdali wayo yedwa onako ukuyoyisa.

20 Ukutya kwayo kufumaneka ezintabeni phaya,

apho zidloba-dloba khona izilwanyana.

21 Ungafika ingqengqe phantsi kwamatyholo akhula ngasemanzini,

okanye izimele ezingcongolweni, emgxobhozweni phaya.

22 Ewe, iphumla emthunzini wamatyholo entlanjeni phaya,

ufike ijikelezwe yimingcunube.

23 Yona ayiwoyiki umlambo ophuphumayo;

ithi zole nakwiJordan elatyuza amanzi de abethe emlonyeni wayo.

24 Kodwa kodwa ngubani ongayihlaselayo?

Ngaba uqale wayityhaphaza?

Ngubani ongayithiyela ayithi qhoo ngaloo mpumlo?