UNCUTHU LWENGOMA 8

1 Akwaba ubungumnakwethu,

nditsho owancanca kumama.

Bendiya kukuncamisa naphandle phaya,

ndize ndingagxekeki noko.

2 Bendiya kukukhokela

ndikuse endlwini kamama,

yena wandifundisayo,

ndikuseze iwayini edidiyelwe ngezinongo

nencindi yeerharnati zam.

3 Isandla sakho sasekhohlo besiya kuxhasa intloko yam,

esokunene sona sindiwole.

4 Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisa:

sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;

luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

Abatheleli

5 Ngubani lo uvela ngasentlango,

uqhogene nesithandwa sakhe?

Umtshakazi

Ndakuvusa phantsi kom-apile,

apho wakhawulwa khona ngunozala wakho,

apho waba nenimba khona owakuzalayo.

6 Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;

ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.

Lent’ uthando lunamandla nqwa nokufa;

ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.

Ludangazela ngathi lidangatye,

luvuthe ngathi ngumlilokazi.

7 Alungecinywa nangamanzi;

alukhukuliseki naziimpuphuma.

Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakho

ungasuka ube sisigculelo.

Abatheleli

8 Thina sinodade wethu;

akakantshuli namabele.

Kambe, singamenzela ntoni mhla acelwayo?

9 Ukuba ke ebeludonga

ngesimakha abe yinqaba yesiliva.

Nokuba ngaba ebelisango

ngesimkhusela ngemivalo yomsedare.

Umtshakazi

10 Ewe, mna ndiludonga;

la mabele ziinqaba.

Yiloo nto emehlweni akhe

ndingulowo umphathela ukwaneliseka.

11 USolomon unesidiliya eBhali-hamon;

uqeshise ngaso kubalimi.

Ngeziqhamo zaso bayarhuma:

liwaka leengqekembe zesiliva.

12 Esam isidiliya sesam ke!

Iwaka lesiliva lelakho, Solomon.

Amakhulu amabini ngawabaqeshi.

Umyeni

13 Wena ohlala emiyezweni,

osoloko engqongwe zizihlobo,

mandilive ilizwi lakho.

Umtshakazi

14 Xhabasha, sithandwa sam!

Yiba ngathi ulinxala,

ube ngathi ulitakane lebhadi

kwezo ntaba zeziqholo.