IZAFOBE 26

1 Ukuncoma isityhakala ngumhlola onjengokuba kusuke kukhithike ehlotyeni,

okanye kune imvula ngexesha lokuvuna.

2 Isishwabulo kungekho sizathu asiphumeleli;

sifana nokundanda kwamahlankomo neenkonjane ezingahlali phantsi.

3 Ihashe liyabethwa, ke yona idonki ilawulwa ngomkhala,

kanti ke sona isinyabi sivuswa ngentonga.

4 Sukuphendulana nesiyatha,

hleze nawe lo uzibhaqe sewufana naso.

5 Xa umntu ebuza umbuzo wobudenge mlinganisele,

hleze azicingele ukuba usisilumko.

6 Ukuthemba isidenge somthunywa kukuzenzakalisa

nqwa nokuzinqumla imilenze.

7 Iqhalo emlonyeni womntu ongaqondiyo

lifana nomlenze ojingayo wesiqhwala.

8 Ukuncoma isityhakala

nqwa nokubophelela ilitye *kwinkwitshi.

9 Iqhalo emlonyeni wesiyatha

nqwa nesebe elinameva esandleni senxila.

10 Umntu oqesha isidenge okanye nabani na odlulayo akanankathalo,

ufana nejoni elidubula nje nabani na.

11 Umntu ophinda-phinda into yobudenge

nqwa nenja ebuyela emhlanzweni wayo.

12 Akunani kwaisityhakala

kunomntu osisilumko kwawakhe amehlo.

13 Ivila lithi: “Kukho ingonyama endleleni!

Ewe, ingonyama ihla inyuka ezitalatweni.”

14 Oku kocango oluvula luvaleke kwiihenjisi oluxhonywe kuzo

linjalo ivila ukuqika-qikeka emandlalweni walo.

15 Ivila liyakha esityeni,

kodwa linqene ukufaka emlonyeni.

16 Umntu olivila usisilumko kwawakhe amehlo;

kuye ngathi ungaphezulu nakumadoda asixhenxe akwaziyo ukuphendula ngengqiqo.

17 Umntu ogxuphuleka kwiingxabano zabanye

ufana nomfo osuka athi nqaku inja ngeendlebe.

18 Ufana negeza elidubula ngeentolo zomlilo

19 umntu okhohlisa ummelwane wakhe aze ajike athi: “Hayi, bendiqhula nje.”

20 Zakuphela iinkuni uyacima umlilo.

Xa kungekho mntu uphixanisayo kuyaphela ukungevani.

21 Ziinkuni ezivuthisa umlilo kwanjengokuba iintlantsi ziwavuthisa amalahle;

ukwanjalo ke nomntu onochuku ukuphembelela ingxabano.

22 Amazwi omntu ohlebayo anencasa;

abantu basuka bawathi bimbilili.

23 Amazwi alalanisayo efihla inkohlakalo

nqwa nesitya somdongwe esigqunywe ngesiliva ngaphandle.

24 Umntu onentiyo usenokuyifihla ngendlela athetha ngayo,

kodwa ngaphakathi abe esabambelele enkohlakalweni.

25 Ewe, walumkele loo mazwi akhe amnandi,

kuba intliziyo yakhe iyaphuphuma ngamanyondololo.

26 Nokuba angayifihla intiyo yakhe ngenkohliso,

kodwa inkohlakalo yakhe yona iya kudandalaza esidlangalaleni.

27 Umntu owomba umngxuma kweyela kwayena kuwo.

Lowo uqengqa ilitye losuka ligubungele kwayena.

28 Umntu onolwimi uyabathiya abo abenzakalisayo;

umntu okhohlisayo udala intshabalalo.