USolomon usaqhuba
1 Nezi ikwazizafobe zikaSolomon ezaqokelelwa ngamagosa kakumkani uHezekiya wakwaJuda:
2 Isihomo sikaThixo siphuhliswa zizinto eziyimfihlakalo;
kambe ke sona isidima sokumkani kukuphengulula imicimbi.
3 Njengokuphakama kwesibhakabhaka nobunzulu bomhlaba,
zikwanjalo ukungabi nakugocagocwa iingcamango zookumkani.
4 Wakuyicwenga isiliva,
nengcibi itsho ikwazi ukuyisebenzisa;
5 akukhiqwa amaphakathi aphuthileyo,
ulawulo lokumkani lutsho ludume ngokuzinza.
6 Xa ukomkhulu musa ukuzigqatsa;
sukuhlala endaweni yezikhulu.
7 Kaloku kubhetele ukuba yena athi: “Nyukela apha,”
kunokuba akususe kwindawo yezikhulu amatshawe ebukele.
8 Sukungxamela enkundleni ngento oyibonileyo,
hleze kuvele omnye umntu nabungqina bumbi,
utsho uhlazeke ke wena.
9 Xa usematyaleni nommelwane wakho
musa ukudiz’ imfihlelo oyixelelweyo,
10 hleze uvelwe utsho uphoxeke,
kuze ke ukuba negama elibi kwakho kuthane mbende nawe.
11 Amazwi afanelekileyo
nqwa neeapile zegolide ezithiwe nca kwisiliva.
12 Isilumkiso esiwa kwindlebe evayo
sifana necici legolide nesidanga segolide ecikizekileyo.
13 Umthunywa onyanisekileyo kwabo bamthumayo
uhlaziya inkosi yakhe oku kwekhephu ngexa lokuvuna.
14 Umntu ozigwagwisa ngokupha omnye isipho angenaso
ufana namafu anomoya angenamvula.
15 Umlawuli uyacengeka ngumntu onomonde,
namazwi athambileyo amenza anikezele.
16 Wakufumana ubusi butye uzilinganisela,
hleze bubuye wakubutya gqitha.
17 Malungaquqi gqitha unyawo lwakho kwammelwana,
hleze akruquke nguwe, akucaphukele.
18 Umntu otshonisa ummelwana wakhe ngobungqina obubuxoki
uyingozi nqwa negqudu, umkhonto, okanye utolo.
19 Ukuthembela ngomntu ongathembekanga xa usenkathazweni
kufana nezinyo elonakeleyo nonyawo oluqhwalelayo.
20 Ukuculela umntu oneenzingo kufana nokumhambisa ze mhla kubandayo,
okanye kunjengokonakalisa isoda ngokuyixuba neviniga.
21 Xa ufumana utshaba lwakho lulambile, luphe ukutya;
lwakunxanwa, luphe amanzi.
22 Ngokwenjenjalo ke woba uluqhubela enguqukweni,
*noNdikhoyo wokuvuza.
23 Umoya wasentla uzisa imvula,
kodwa ke yona intlebendwane iza nengxabano.
24 Akunani kwaukuhlala wedwa noba kuphezu kwendlu,
ndaweni yokuhlala ndlwini-nye nomfazi ongunogqwashu.
25 Iindaba ezimnandi ezivela kwelikude
zihlaziya oku kwamanzi abandayo emntwini odiniweyo.
26 Akoyiswa sisikhohlakali umntu olungileyo
loo nto ifana nequla eligxobhekileyo okanye nomthombo ongcolisekileyo.
27 Ukubutya kakhulu ubusi akulunganga;
kukwanjalo ukuhlala uzifunela imbeko.
28 Umntu owoyiswayo kukuzilawula usesichengeni
oku kwesixeko esindonga
ziwileyo.