1 Umntu oyithandayo ingqeqesho uthanda ulwazi;
kodwa ke yena ongafuni kululekwa usisityhakala.
2 Umntu oziphethe kakuhle uyathandwa nguNdikhoyo,
kambe ke akamfuni umntu onamayelenqe.
3 Akakho umntu onokuzinza eqamele ngenkohlakalo;
kambe ke wona amalungisa amila abe neengcambu ezingenakugungqiswa.
4 Umfazi ofanelekileyo yintshinga yendoda yakhe;
ke yena umfazi oyithwalela amahlazo indoda yakhe ufana nempehla emathanjeni ayo.
5 Iingcinga zamalungisa zinyanisekile;
ke wona amacebo ezikhohlakali yinkohliso.
6 Amazwi abantu abakhohlakeleyo ngawokulalela igazi;
kambe ke wona amazwi abantu abathe ngqo ayasindisa.
7 Sakukhiqwa isikhohlakali iyaphela intw’ ebithethwa;
kambe ke yona indlu yamalungisa ima imi.
8 Umntu onengqondo uxatyisiwe;
phofu ke yena osisidodo ngengqondo akazelwe nto.
9 Kulungile ukuba ngongenagama, kodwa noko unaso isicaka,
kunokuzenza isinhanha kodwa ulamba.
10 Umntu olilungisa uyazazelelela iimfuno zezilwanyana zakhe;
kodwa nezona zenzo zingathi zihle zesikhohlakali ziba ngqwabalala.
11 Umntu olima amasimi akhe akasweli kutya;
kambe ke bubuyatha ukulibala ngumsebenzi ongaphumi nto.
12 Umntu okhohlakeleyo usoloko efuna amaxhoba azuzwe ngabantu abanobubi;
ke yona ingcambu yezityalo zamalungisa iyachuma.
13 Umntu ongento ubanjiswa kwangamazwi akhe agwenxa;
ke lona ilungisa liyazikhulula enkathazweni.
14 Umntu ufumana ulutho aneliswe sisiqhamo sokuthetha kwakhe;
kananjalo umsebenzi womntu ubuyela kwakuye.
15 Indlela yesityhakala ibonakala ilungile kwawaso amehlo;
ke sona isilumko siyeva sakucetyiswa.
16 Umntu osisiyatha uzibonakalisa kwangoko xa ecaphukile;
kanti ke yena umntu oqiqayo akazidubi ngezithuko.
17 Ingqina elinyanisekileyo lithetha inyaniso;
ukanti ke ingqina elixokayo lisasaza ulwimi.
18 Amazwi okulavuza ahlabanisela njengekrele;
kambe ke wona amazwi ezilumko ayaphilisa.
19 Inyaniso ima ngonaphakade;
ke bona ubuxoki bobomzuzwana.
20 Abo bantliziyo zinenkohliso ngabo abacebi bobubi;
kambe ke abakhuthaza uxolo bazuza ulonwabo.
21 Amalungisa akahlelwa bubi;
ke bona abakhohlakeleyo baphahlwe ziinkathazo.
22 UNdikhoyo uyamcaphukela umntu oxokayo,
kodwa uyakholiswa ngonyanisekileyo.
23 Umntu oqiqayo akalubhengezi ulwazi lwakhe;
ke sona isiyatha sihamba sivakalisa ubudenge baso.
24 Abakhutheleyo ngabo abaya kulawula;
ke wona amavila aphelela kumsebenzi wobukhoboka.
25 Amaxhala ayamtyhafisa umntu;
ke wona amazwi enkuthazo ayahlaziya.
26 Ilungisa limalathisa indlela ummelwane;
ke yona indlela yabakhohlakeleyo iyabalahlekisa.
27 Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo;
kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.
28 Indlela yobulungisa isinga ebomini;
ewe, yiyo leyo indlela engasingisi ekufeni.