1 UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;
kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.
2 Umntu ozigwagwisayo uyakhawuleza ukuhlazeka;
kambe ke kona ukuzithoba kuhamba nobulumko.
3 Ukunyaniseka kuyamalusa umntu othe ngqo,
kodwa ke bona ubuqhokolo buyawabhangisa amaqhophololo.
4 Ubutyebi bomntu abumsindisi kwingqumbo kaThixo;
sisimo esisulungekileyo kuphela esimhlangulayo umntu ekufeni.
5 Indlela yabantu abamsulwa igudiswa sisimo sabo;
ke bona abakhohlakeleyo bawiswa yinkohlakalo yabo.
6 Isimilo siyamsindisa umntu othe ngqo;
kodwa bona abangcatshi babhajiswa kukunyoluka.
7 Akufa umntu okhohlakeleyo amathemba akhe ayadaka,
nokukholosa kwakhe ngamandla akhe kuyaphutha.
8 Umntu olilungisa uyahlangulwa enkathazweni –
endaweni yakhe iwa phezu kwesikhohlakali.
9 Umlomo womntu ongakhathalele Thixo wenzakalisa ummelwane wakhe;
ke bona abathobela uThixo balondolozwa lulwazi.
10 Inkqubela yamalungisa itsho uchulumance umzi wonke;
kanti ke ukufa kwezikhohlakali kutsho kuhlokome yimivuyo.
11 Isixeko siyaphakanyiswa sakuthamsanqelwa ngabantu abathe ngqo;
kambe ke wona amazwi ezikhohlakali ayasitshabalalisa isixeko.
12 Umntu ongenangqondo uyabanyemba abanye abantu;
ke yona ingqondi ithi cwaka.
13 Umntu ongenasifuba uyazidiza iimfihlelo;
kambe ke yena othembekileyo uyaligcina ihlebo.
14 Isizwe esingenamcebisi siyawa;
kanti ke xa sinabacebisi abaninzi siba luqilima.
15 Umntu omela omnye angamaziyo uyenzakala;
ke yena ongavumiyo ukubamba isandla somnye ebhambathisa ukhuselekile.
16 Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;
ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.
17 Umntu onobubele uyazimaseka;
kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.
18 Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,
phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.
19 Ubulungisa obububo busingisa ebomini;
ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.
20 UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;
kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.
21 Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;
kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.
22 Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqo
bufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.
23 Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;
ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.
24 Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;
kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.
25 Umntu ophayo uba nenkqubela;
ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.
26 Abantu bayamshwabulela umntu okubandezayo ukudla;
kanti ke bayamthamsanqela lowo ukuthengisayo.
27 Umntu ofuna okuhle uzuza okulungileyo;
phofu ke yena ozungula ububi uzuza kwabona.
28 Umntu okholosa ngobutyebi bakhe uvuthuluka njengamagqabi ebusika;
ke yena umntu ofanelekileyo uhluma njengamagqabi entlakohlaza.
29 Umntu oyinkathazo ekhayeni udla ilifa elingumoya;
sona isiyatha siba sisicaka sesilumko.
30 Isiqhamo sâbo balungisayo ngumthi onika ubomi;
umntu onobulumko uhlangula imiphefumlo yabantu.
31 Umntu olilungisa umvuzo wakhe uwuzuza kwalapha emhlabeni;
kobeka phi ke ukohlwaywa komqhankqalazi nomoni?