IZAFOBE 8

Kubongwa ubulumko

1 Yivani, nâbo ubulumko bumemeza!

Nayo ingqiqo nantso izazisa.

2 Kaloku bumi ngasezindleleni phezu kweentaba;

ewe, nabu buthe bhunxe eziphambukeni zeendlela.

3 Nabo bungxang’ emasangweni edolophu;

ewe, buyamemelela ekungeneni esixekweni:

4 “Hoyina, ndibhenela kuni, nina nonke luntu;

ndiyanibiza nani, nzala yakwantu.

5 Kambe nani, ziyatha, fundan’ ingqiqo,

nani, nina zidenge, qalisan’ ukuqonda.

6 Phulaphulani, kuba ndiza kutheth’ izintw’ ezibalaseleyo;

yivani, kuba ndiza kuyixel’ imfanelo.

7 Kaloku ngomlomo wam ndiza kutheth’ inyaniso,

kuba ke mna ndiyithiyil’ inkohlakalo emilebeni yam.

8 Onke amazwi omlomo wam anyanisekile;

ubuqhophololo nobuxoki abukho kuwo.

9 Kumntu oqondayo onke acacile;

kwâbo baziyo onke alungile.

10 Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;

ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.

11 Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;

nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.

12 “Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;

ndixakath’ ulwazi kunye nokulungelelanisa.

13 Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.

Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,

ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.

14 Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;

ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.

15 Ewe, oozikumkani balawula ngam,

neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.

16 Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:

oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.

17 Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,

futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.

18 Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,

batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.

19 Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;

imveliso yam iyayibetha neyona siliva.

20 Ihambo yam bubulungisa bodwa;

iindlela zam zifanelekile.

21 Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;

ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.

22 “Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;

ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.

23 Mna wandiqingqa kwasephakadeni,

kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.

24 Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,

tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.

25 Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;

neenduli zilibone emva kwam ilanga.

26 Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;

ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!

27 Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,

xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.

28 Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,

nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.

29 Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,

xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’

Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.

30 Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;

ndandizele yimincili iimini ngeemini,

ndivuya apho ecaleni kwakhe.

31 Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;

ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.

32 “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,

kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.

33 Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko;

sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo.

34 Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo;

nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla,

osoloko elindile emasangweni am phaya.

35 Ozuze mna ke ubufumene ubomi;

uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.

36 Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile;

kanti ke lowo undithiyileyo uthand’ ukufa.”