Kubongwa ubulumko
1 Yivani, nâbo ubulumko bumemeza!
Nayo ingqiqo nantso izazisa.
2 Kaloku bumi ngasezindleleni phezu kweentaba;
ewe, nabu buthe bhunxe eziphambukeni zeendlela.
3 Nabo bungxang’ emasangweni edolophu;
ewe, buyamemelela ekungeneni esixekweni:
4 “Hoyina, ndibhenela kuni, nina nonke luntu;
ndiyanibiza nani, nzala yakwantu.
5 Kambe nani, ziyatha, fundan’ ingqiqo,
nani, nina zidenge, qalisan’ ukuqonda.
6 Phulaphulani, kuba ndiza kutheth’ izintw’ ezibalaseleyo;
yivani, kuba ndiza kuyixel’ imfanelo.
7 Kaloku ngomlomo wam ndiza kutheth’ inyaniso,
kuba ke mna ndiyithiyil’ inkohlakalo emilebeni yam.
8 Onke amazwi omlomo wam anyanisekile;
ubuqhophololo nobuxoki abukho kuwo.
9 Kumntu oqondayo onke acacile;
kwâbo baziyo onke alungile.
10 Nawe ke, yamkela ingqeqesho kunesiliva;
ndithi thatha ulwazi kuneyona golide.
11 Mna bulumko ndiyawagqitha namatye exabiso;
nakwiindidi zobutyebi mna andidlulwa nto.
12 “Mna bulumko ndihlala ndithe qwa;
ndixakath’ ulwazi kunye nokulungelelanisa.
13 Ukumthobela *uNdikhoyo kukubuthiya ububi.
Yiloo nto ndikuchasileyo ukuzigwagwisa,
ikratshi, ukungabi nasimilo, kunye nentetho egwenxa.
14 Ndingusomacebo, ndingumthombo weembono ezichubekileyo;
ndinako ukuqonda, kanti nokomelela kokwam.
15 Ewe, oozikumkani balawula ngam,
neziphathamandla zilawula ngobulungisa nje ndim.
16 Bonke abasemagunyeni bancedwa ndim lo:
oomatshawe, noozikhulu, nabagwebi ngokwabo.
17 Kaloku ndiyabathanda abo bandithandayo,
futhi ndiyafumaneka kwabo bandifunayo.
18 Ndibathi jize ngesihomo nendyebo,
batsho babe nobutyebi obuzinzileyo nenkqubela.
19 Inzala engenxa yam ingaphezu kwayo negolide;
imveliso yam iyayibetha neyona siliva.
20 Ihambo yam bubulungisa bodwa;
iindlela zam zifanelekile.
21 Ubutyebi lilifa endibanikayo abo bandithandayo;
ndibathi jize ngoovimba abaphuphumayo.
22 “Ekuqalekeni kwendalo kaNdikhoyo mna ndandikho ndingowakhe;
ewe, ndandikho ingekabikho imisebenzi yakhe yamandulo.
23 Mna wandiqingqa kwasephakadeni,
kuqala ngqa, nehlabathi lingekabikho.
24 Ndavela engekabikho namanzi anzongo-nzongo,
tanci ingekaveli nemithombo ephuphuma amanzi.
25 Ndingowokuqala phambi kwazo neentaba;
neenduli zilibone emva kwam ilanga.
26 Ndabakho ungekabikho umhlaba neentili zawo;
ewe, kwakungekabikho nothuli olu ehlabathini!
27 Ndandikho ekumiselweni kwamazulu nguThixo,
xa wayetwabulula isibhakabhaka kumanzi anzongo-nzongo.
28 Xa wayesambathisa isibhakabhaka ngamafu ndandilapho,
nangokuya wayeseka imithombo yeelwandle ndandikho.
29 Ndandilapho xa wayemisa imida yolwandle,
xa wayesithi: ‘Latyuza, kodwa ungagqithi apha.’
Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi ndandikho.
30 Ewe, ndayingcali yomsebenzi, ndiyintonga yakhe yasekhosi;
ndandizele yimincili iimini ngeemini,
ndivuya apho ecaleni kwakhe.
31 Ngenene ndandichulumacha kulo elimiweyo;
ndandiziva ndinemihlali phakathi koluntu.
32 “Ngoko ke, bonyana, ndiphulaphuleni,
kuba banoyolo abo bahamba ngeendlela zam.
33 Yamkeleni ingqeqesho, ukuze nibe zizilumko;
sanukuyityeshela, koko bambelelani kuyo.
34 Unenyhweba kambe umntu ondiphulaphulayo;
nditsho lowo uhlala enkundleni yam yonke imihla,
osoloko elindile emasangweni am phaya.
35 Ozuze mna ke ubufumene ubomi;
uxhamla ukwaneliseka kukaNdikhoyo.
36 Kambe ke yena ondiphosileyo uzenzakalisile;
kanti ke lowo undithiyileyo uthand’ ukufa.”