Ulwazi nenkathalo kaThixo ifezekile
Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide.
1 Ewe, *Ndikhoyo, undigoca-gocile, uyandazi.
2 Wena undazi ukusuka nokuhlala;
iingcamango zam uziqonda zingekaveli.
3 Mna andinako ukukunqabela nganto –
nditsho ndihamba okanye ndilele,
wena uyaziqonda iindlela zam zonke.
4 Kaloku wena wazi ndingekathethi;
ewe, Ndikhoyo, wazi nento endiza kuyithetha.
5 Kaloku wena undiphahle macal’ onke;
isandla sakho sindifumbathile.
6 Ndlela le undazi ngayo indongamele;
ewe, ndiyalabalaba, isemajukujukwini kum.
7 Ndingamzimela ndithini uMoya wakho?
Ndingasabela phi apho ungekhoyo khona?
8 Ukuba ndingenyukela emazulwini, ndingafika ukho;
nokuba ndingalala kwelabafileyo, ukho nalapho.
9 Ndingafanelana ndihamba nokusa,
ndiye kutsho eziphelweni zolwandle,
10 nalapho ndingakhokelwa sisandla sakho;
ewe, ndohlala ndisemandleni akho.
11 Noba ndingathi mandisongelwe bubumnyama,
nokukhanya kujike kube bubusuku,
12 kwabumnyama obo abumnyamanga kuwe.
Kaloku nobusuku bukhanya njengemini kuwe,
kuba nobumnyama buyakhanya kuwe.
13 Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.
14 Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.
15 Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;
okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.
Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.
16 Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;
imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,
ndingekayiqali nokuyiqala mna.
17 Hayi bo, zintsonkothile kambe
iingcamango zakho, Thixo wam!
Yaz’ba zingakanani na ubuninzi!
18 Xa bendinokuzibala, zingaphaya kwentlabathi;
noba bendingazigqibayo, andikabi phi.
Ndoba ngalala ndivuke, usengulowa.
19 Akwaba ubungabatshabalalisa abakhohlakeleyo, Thixo;
izijama-nkungwini mazisuke kum,
20 abantu abakwenyelisayo bengakukhathalele,
abakuvukelayo beqhutywa yinkohlakalo.
21 Ewe, ndibathiyile abakuthiyileyo, Ndikhoyo;
kum banezothe abakuchasayo.
22 Ngenene ndibathiyile mpela;
ndibathatha njengeentshaba zam.
23 Ndibhenela kuwe, Thixo wam:
khawundigoca-goce, undiphicothe, undiqondisise;
ndivavanye uziqonde iingcamango zam!
24 Ndiqwalasele, hleze ndithi kanti ndiphambukile;
undikhokelele kwindlela eyeyona-yona.