KUMAHEBHERE 1

Isingeniso

1 Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli.

2 Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.

3 Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph’ ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.

4 Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.

UNyana mkhulu kunezithunywa

5 UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:

“UnguNyana wam wena,

ndikuzele namhlanje;”

engazange atsho nokuthi:

“Ndiya kuba nguYise,

yena abe nguNyana wam.”

6 Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:

“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”

7 Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:

“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,

nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”

8 Kodwa uthi mayela noNyana:

“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!

Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.

9 Ungumathand’ ubulungisa,

uyithiyile inkohlakalo.

Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,

uThixo wakho ukuthambisile.

Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozela

esingaphezulu kwesoogxa bakho.”

10 Uphinda athi:

“Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni;

amazulu ênziwa zizandla zakho.

11 Xa zizonke ziya kudlula,

kodwa wena uhlala uhleli;

ziya kuguga njengeempahla.

12 Uya kuzisonga njengeengubo,

zona ziya kutshintshwa njengesambatho;

ube wena ungaguquki,

ube wena ungagugi.”

13 UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi:

“Hlala ngakum kweli wonga

lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”

14 Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.