Isingeniso
1 Amaxesha ngamaxesha mandulo uThixo wathetha nookhokho bethu ngeendlela ezahlukeneyo ngomlomo *wabashumayeli.
2 Kodwa ke kula maxesha okugqibela uthethe nathi ngoNyana wakhe. UThixo wammisela ukuba abe yindlalifa yezinto zonke, kwaye futhi ihlabathi liphela walidala ngaye.
3 Ewe, uNyana lo uphuhlisa ubungangalala bukaThixo, ibe ke yena noThixo bangumceph’ ucandiwe. Ihlabathi lixhaswe nguye ngamandla elizwi lakhe. Uthe ke akuba elwenzile uxolelo lwezono wahlala ewongeni kwaThixo kweliphezulu.
4 Kaloku uNyana yena mkhulu kunezithunywa zezulu, kwaye ke uzuze negama elibalaseleyo kunelazo.
UNyana mkhulu kunezithunywa
5 UThixo akukho sithunywa wakha wathi kuso:
“UnguNyana wam wena,
ndikuzele namhlanje;”
engazange atsho nokuthi:
“Ndiya kuba nguYise,
yena abe nguNyana wam.”
6 Kwakhona ekuyiziseni kwakhe ehlabathini inkulu yakhe uThixo wathi:
“Mazinqule yena zonke izithunywa zikaThixo.”
7 Ngokubhekiselele kwizithunywa zikaThixo kuthiwa:
“Ulowenza imimoya izithunywa zakhe,
nemibane elenyayo ibe zizicaka zakhe.”
8 Kodwa uthi mayela noNyana:
“Kambe, ulawulo lwakho, Thixo, àluphele ndawo!
Kwaye futhi wena ulawula ngobulungisa.
9 Ungumathand’ ubulungisa,
uyithiyile inkohlakalo.
Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,
uThixo wakho ukuthambisile.
Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozela
esingaphezulu kwesoogxa bakho.”
10 Uphinda athi:
“Nguwe, Nkosi, owalidalayo ihlabathi ekuqalekeni;
amazulu ênziwa zizandla zakho.
11 Xa zizonke ziya kudlula,
kodwa wena uhlala uhleli;
ziya kuguga njengeempahla.
12 Uya kuzisonga njengeengubo,
zona ziya kutshintshwa njengesambatho;
ube wena ungaguquki,
ube wena ungagugi.”
13 UThixo zange atsho nakusinye isithunywa ukuthi:
“Hlala ngakum kweli wonga
lo gama ndikoyisela iintshaba zakho.”
14 Kakade ke ngoobani izithunywa? Zingoomoya abathunywa nguThixo, benceda abo baziindlalifa zosindiso.