IINDUMISO 138

Umhobe wokubulela

Umhobe kaDavide.

1 Awu, ndibamba ngazibini, *Ndikhoyo.

Ewe, ndinongazenzisiyo umbulelo;

ndikuncoma ndikubonge naphi na.

2 Ndikhala ndijongise ngasendlwini yakho engcwele,

ndibonga ndincoma igama lakho,

ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho,

kuba uzicacisile ukuba wena,

ndawonye nezithembiso zakho, ubalasele.

3 Ndathi ndakukhala kuwe wandiphendula

kangangokuba ndatsho ndomelezeka.

4 Zonke izikumkani zehlabathi mazikudumise, Ndikhoyo,

kuba zizivile izithembiso zakho.

5 Ziya kumemelela, zibonga iindlela zikaNdikhoyo,

kuba kaloku sibalasele isidima sakhe.

6 Ewe, nakuba uMhlekazi enguSomaqhuzu nje,

ubanonophele abagqush’ eluthulini;

ke bona abaqholosayo ubabukele.

7 Nokuba ndidavuza ezinkathazweni, wena uyandikhusela;

ulwa nazo iintshaba zam, undihlangule ngamandla akho.

8 UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.

Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;

ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.