Umhobe wokubulela
Umhobe kaDavide.
1 Awu, ndibamba ngazibini, *Ndikhoyo.
Ewe, ndinongazenzisiyo umbulelo;
ndikuncoma ndikubonge naphi na.
2 Ndikhala ndijongise ngasendlwini yakho engcwele,
ndibonga ndincoma igama lakho,
ngenxa yezibele nokunyaniseka kwakho,
kuba uzicacisile ukuba wena,
ndawonye nezithembiso zakho, ubalasele.
3 Ndathi ndakukhala kuwe wandiphendula
kangangokuba ndatsho ndomelezeka.
4 Zonke izikumkani zehlabathi mazikudumise, Ndikhoyo,
kuba zizivile izithembiso zakho.
5 Ziya kumemelela, zibonga iindlela zikaNdikhoyo,
kuba kaloku sibalasele isidima sakhe.
6 Ewe, nakuba uMhlekazi enguSomaqhuzu nje,
ubanonophele abagqush’ eluthulini;
ke bona abaqholosayo ubabukele.
7 Nokuba ndidavuza ezinkathazweni, wena uyandikhusela;
ulwa nazo iintshaba zam, undihlangule ngamandla akho.
8 UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.
Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;
ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.