Elokudumisa
1 Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;
ewe, lidumisen’ igama likaNdikhoyo!
Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;
2 nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,
nasenkundleni yomzi woThixo wethu.
3 Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel’ enqwelo ngokulunga;
memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.
4 Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!
Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!
5 Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,
ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.
6 Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –
nditsho emazulwini nasemhlabeni,
kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.
7 Ngumavus’ iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,
ulokhaph’ imvula ngemibane elenyayo,
aze akhuph’ isaqhwithi ngendlu yaso.
8 Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;
ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.
9 Kanye phakathi kwelaseJiputa
wenza imiqondiso nemimangaliso,
wamohlwaya ukumkaninezicaka zakhe.
10 Wazingenela izizwe, kwajub’ ugodo,
wabageqa ookumkani abaziwayo.
11 Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,
noo-Ogi ukumkani waseBhashan,
nazo zonke izikumkani zaseKanana.
12 Umhlaba wazo wona wawohlutha,
waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.
13 Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;
udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.
14 Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,
avelane nazo izicaka zakhe.
15 Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;
basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.
16 Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;
banawo namehlo, kodwa ababoni.
17 Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;
baziziduli ezingenawo nomphefumlo.
18 Bakwafana nazo abenzi bazo,
nabo bonke abakholosa ngazo.
19 Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,
nani ndlu ka-Aron, mbongen’ uNdikhoyo.
20 NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,
nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.
21 Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,
zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.
Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”