IINDUMISO 135

Elokudumisa

1 Huntshu-u-u! Khanityibele nimbonge *uNdikhoyo;

ewe, lidumisen’ igama likaNdikhoyo!

Zicaka zakhe, khahlelani nidumisa uNdikhoyo;

2 nditsho nina nitabhata endlwini kaNdikhoyo,

nasenkundleni yomzi woThixo wethu.

3 Mdumiseni, kuba uNdikhoyo yindlel’ enqwelo ngokulunga;

memelelani nimdumise, kuba kuluyolo ukwenjenjalo.

4 Andithi kaloku uNdikhoyo wazinyulela uYakobi!

Ewe, wazikhethela uSirayeli wangowakhe ncakasana!

5 Ndiyaqonda ukuba uNdikhoyo ubavelele,

ewe, ubakrobele bonke abanye *oothixo.

6 Kaloku uNdikhoyo wenza ngokubona kwakhe –

nditsho emazulwini nasemhlabeni,

kwiilwandle nakwiinzongo-nzongo zeenzulu.

7 Ngumavus’ iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,

ulokhaph’ imvula ngemibane elenyayo,

aze akhuph’ isaqhwithi ngendlu yaso.

8 Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;

ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.

9 Kanye phakathi kwelaseJiputa

wenza imiqondiso nemimangaliso,

wamohlwaya ukumkaninezicaka zakhe.

10 Wazingenela izizwe, kwajub’ ugodo,

wabageqa ookumkani abaziwayo.

11 Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,

noo-Ogi ukumkani waseBhashan,

nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12 Umhlaba wazo wona wawohlutha,

waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13 Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;

udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

14 Kaloku uNdikhoyo uya kubalungiselela abantu bakhe,

avelane nazo izicaka zakhe.

15 Oothixo beentlanga benziwe ngegolide nesiliva;

basisiqhamo sobuchule bezandla zomntu.

16 Benemilomo nje, abakwazi ukuthetha;

banawo namehlo, kodwa ababoni.

17 Nakuba beneendlebe nje, bazizithulu;

baziziduli ezingenawo nomphefumlo.

18 Bakwafana nazo abenzi bazo,

nabo bonke abakholosa ngazo.

19 Khanidume nibonge uNdikhoyo, ndlu kaSirayeli,

nani ndlu ka-Aron, mbongen’ uNdikhoyo.

20 NabaLevi mabakhahlele bebonga uNdikhoyo,

nabamthobelayo uNdikhoyo mababonge bade babongisele.

21 Izibongo mazihlokome, ziphuma eZiyon,

zidumisa uNdikhoyo okhaya liseJerusalem.

Awu! Sitsho sonke, sithi: “Bayethe, Mhlekazi!”