Umhobe wangokuhlwa
Iculo labahambi.
1 Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo,
nonke nina zicaka zakhe,
nina nonke nima bume ebusuku,
nisebenza endlwini kaNdikhoyo.
2 Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,
nimbonge nimncome uNdikhoyo.
3 UNdikhoyo, umenzi wamazulu nehlabathi,
wanga angakuthamsanqela eseZiyon.