IINDUMISO 134

Umhobe wangokuhlwa

Iculo labahambi.

1 Yizani nimbonge nimncome *uNdikhoyo,

nonke nina zicaka zakhe,

nina nonke nima bume ebusuku,

nisebenza endlwini kaNdikhoyo.

2 Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,

nimbonge nimncome uNdikhoyo.

3 UNdikhoyo, umenzi wamazulu nehlabathi,

wanga angakuthamsanqela eseZiyon.