Isikhungo sentobeko
Iculo likaDavide; lelabahambi.
1 Awu, *Ndikhoyo, mna andizigwagwisi;
ngokunjalo mna andiziphakamisi.
Kaloku andizixakekisi ngemicimbi ephakamileyo kunokuba ndinjalo mna.
2 Kodwa ndanelisekile, ndaye ndixolile.
Ndinjengosana oluthe cwaka ezingalweni zikanina;
ngenene umoya wam uphuphuma ukwanela.
3 Sirayeli, khawuthembele kuNdikhoyo, kususela ngoku kude kube nini-nini.