IINDUMISO 130

Ukukhululwa esonweni

Iculo labahambi.

1 *Ndikhoyo, ndiyazibika kuwe;

ndikhala kuwe ndibindekile.

2 Awu, Nkosi, ndive ndiyakuthandaza,

usiphulaphule isikhungo sam.

3 Ukuba ubuzigcina izono zabantu, Ndikhoyo,

ngubani obengasindayo?

4 Kambe ke wena uyaxolela,

khon’ ukuze uhlonitshwe.

5 Ndithembele ngokupheleleyo kuNdikhoyo;

ewe, ndikholosa ngelizwi lakhe.

6 Umoya wam ukholosa ngoNdikhoyo ngenzondelelo,

ngaphezu komlindi ojonge ukusa,

nangaphezu komantshingilane ojong’ umsobomvu.

7 Sirayeli, thembela kuNdikhoyo, kuba yena unobubele,

futhi yena ukhulula ngokupheleleyo.

8 Ewe, yena uya kumkhulula uSirayeli

kuzo zonke izono zakhe.